UKomphela akawuvali umlomo ngoKatsvairo

Emva kweenyanga ezimbini isizini yePSL entsha, iveki ephelileyo yeyona yenze umqeqeshi weKaizer Chiefs, uSteve Komphela, azive kakuhle ukuba uyasebenza emva kokuba iqela lakhe liphumelele imidlalo emibini ilandelelana. Amakhosi abethe iHighlands Park ngo’1-0, alandelisa ngeMaritzburg United ayibethe ngo ’2-0.

Yomibini le midlalo ithobe uxinizelelo kumqeqeshi, yabuyisa nokuzithemba kubadlali. kumdlalo wangoMgqibelo odlulileyo, uKomphela, uqala umdlalo ngoMichelle Katsvairo – ifolosi yeChiefs efike ekuqaleni kwale sizini.

Lo mdlali waseZimbabwe akamphoxanga umqeqeshi wakhe futhi indlela adlale ngayo unike umqeqeshi intlasi yethemba kwiingxaki zokunqaba kwamagowuli kwiChiefs. UKatsvairo uzibonakalisile ngethuba edlala neMaritzburg – kangangokuba uKomphela uyincomile adlale ngayo eFNB Stadium. “Ewe, ngesenze ngcono phaya phambili – kodwa ndiyayamkela le mpumelelo. Into endivuyisileyo yindlela uKatsvairo adlale phambili nasebenzisene ngayo noWilliam Twala noGeorge Lebese. Iifolosi zizo ezinika iqela impumelelo, bona abadlali basemva benza ngaphezulu kwalo nto. Ndivuyiswa kukuba uKatsvairo ukwazile ukuzivula izithuba kula mdlalo wethu neMaritzburg,” utshilo uKomphela kwikhasi lomnatha leChiefs.

Indlela adlale ngayo uKatsvairo imnika ithuba lokukhokela iChiefs kule sizini phaya phambili. UKhune, odlale okwentshatsheli kwiveki ephelileyo, uncome abalandeli beChiefs abayixhase ngamaxesha anzima. NgoLwesithathu Amakhosi ayakube sele edlalile neFree State Stars (sesishicilele thina) – kodwa aya kumdlalo ophakathi kwawo ne-Ajax Cape Town, eMoses Mabhida Stadium ngoMgqibelo ngo’18:00, likhona ithemba emva kokuphucuka kweziphumo. Lona iqela likaRoger De Sa lisasokola kwicala lokufumana iziphumo ezihle kule sizini. Nangona idlala kakuhle iChiefs xa idlalela eMabhida Stadium – kodwa ngamanye amaxesha i-Ajax iyakwazi ukufumana amanqaku xa idlala nayo.

Imidlalo yePSL ngoMgqibelo: Golden Arrows v Chippa United @15:30; Free State Stars v Maritzburg United @15:30; Platinum Stars v Bloem Celtic @15:30; Cape Town City v Baroka FC @20:15.

NgeCawe: SuperSport United v Highlands Park @ 15:30; Polokwane City v Orlando Pirates @ 15:30.