ISANCO ithi mababanjwe abafundi abatshise iFort Hare

UMBUTHO wabahlali iSANCO, uyakukhalimela ukutshiswa kwamagumbi athile ngabafundi kwiYunivesithi iFort Hare. 
Oku kulandela emva kokuba iqela labafundi bale Yunivesithi ebebeqhanqkalaza eDikeni betshise lamagumbi ngentsasa yangolweSine. 

Kweli gumbi kuqikelelwa ukuba kutshe iimpahla ezingaqikelelwa kwizizigidi zerandi. Kuzo kungabalulwa iibhedi, oomabonakude, iimatshini zokuhlamba impahla, izitovu, iikhompuyutha kwakunye nezinye izixhobo zokusebenza ebezingaphakathi.

Isithethi seSANCO, uJabu Mahlangu uthe,  abo bafundi babandakenyekayo kwesi sehlo mabadibane nengalo yomthetho ngukahlekwa nanye kubo.

Ukanti abanye babafundi besisikolo bayaziguzula koku besithi bekungafanekanga ukuba kwenziwe ngoogxa babo. Eligcuntswana litshisileyo,  belikhalazela ukuba makongezwe oonogada bazokukhuseleka kwindawo zabo zokuhlala.

Usekela ngqonyela ugqirha Mvuyo Tom, uthe oku kwenzeke xa kanye befikelela kwisivumelwano neSRC yeli ziko lemfundo kwiingxaki ezomethe imfundo nezikhokelele kuqhankqalazo lwabafundi abafuna imfundo engahlawulelwayo. kumagumbi kufundwe. 

Okwangoku amapolisa ebengekabambi mfundi malunga ngokwayamene nekutshiswa kwesi sakhiwo.