Izigrogriso kooKhetshe abaphanda abemmi bangaphandle

AFUMENE izigrogriso zokubulawa amalungu ebutho lamapolisa eliphanda ngamatyala anobuzaza elithe larhintyela umkhambathi weqela labemmi bangaphandle abarhwaphiliza imali yepenshini yootitshala baseMpuma Koloni.

 

Oku kuza emva kokuba ooKhetshe (Hawks) bethe babamba abemmi baseUganda abathathu kule nyanga, kulandela izehlo zokubhunyulwa kwemali yepenshini yootitshala.

 

Ekuqaleni kwale nyanga, ooKhetshe babambe uJoshua Setimba Kyebakolo (34) kwakunye neqabane lakhe uSiphamandla Melaphi (21), kulandela izityholo zokurhwaphiliza imali ebalelwa ku-R1.1 million yetitshala yakuKomani.

 

Kusenjalo ooKhetshe babambe uJerald Mukasa (44) noSuudi Nsubuga (34) emva kokuba bebhunyule iR800 000 kwititshala yaseDutywa.

 

Kuzo zonke ezizehlo, ababemmi baseUganda baye baxelele abatitshala ukuba imali yabo izakuphinda-phindana, xa beyizise kubo.

 

Intloko yooKhetshe eMpuma Koloni uMajor General Nyameko Nogwanya uthe: “Ifikile kwi-ofisi yam into yokuba abaphandi bethu bagrogriswa ngokubulawa ngenxa yala matyala. Noxa kunjalo, ezizigrogriso asokuze zithibaze umsebenzi wethu wokuphanda la matyala.”

 

Ityala likaKyebakolo noMelani lakuxoxwa ngomhla wamashumi amathathu kule nyanga kwinkundla yaseMonti.