Sicela uxolo ngeempazamo, utsho uMapisa-Nqakula

UNosiviwe Mapisa-Nqakula, ilungu lekomiti embaxa (NEC) yeANC UMFANEKISO: MICHAEL PINYANA

ILUNGU lekomiti embaxa yeANC uNosiviwe Mapisa-Nqakula uthi uxanduva lulele kubo beziinkokeli zalo mbutho ukuba balungise iimpazamo ezibangele ukuba iphulukane nolawulo koomasipala abambaxa iANC.

Ethetha eMhlahlane kuGatyana, uMapisa-Nqakula uthe bayayiqonda ukuba yingqumbo yabalandeli beANC ethe yenza lo mbutho ukuba uphulukane nenkxaso.

“Siyicelela uxolo yonke nje into ethe yabangela ukuba abantu behlise inkxaso yabo ngakwiANC. Siza kusebenza nzima ukulungisa iziphene zethu.

“Ezi ziphumo ziyasifundisa ukuba asizilungisanga iziphene zethu, siyakuzisola ngonyulo lorhulumente kazwelonke namaphondo ngo2019. Kufuneka sichule ukunyathela,” utshilo uMapisa-Nqakula, ongumphathiswa kwisebe lezokhuselo namagqala omkhosi.

UMapisa-Nqakula ebethetha kwinginginya yabantu abebezimase umsitho wokubhiyozela igalelo likaNjengele Derrick Daliwonga Mgwebi otyunjwe njengenkumanda yomkhosi weZizwe eziManyeneyo (United Nations).

Obesakuba nguMongameli welizwe uThabo Mbeki ebewuzimasile lo msitho, nangona ethe watya tyum ngemiba erhangqe iANC ngethuba ekhwela eqongeni.

Ukwathe: “Siyayiqonda eyokuba ukuba asizilungisi iimpazamo zethu, amagqala eANC afana no-O.R. Tambo noGovan Mbeki ayakushukuma kumangcwaba wayo. Unyaka ka2019 sele ufikile, ngoko ke kwakufuneka sisebenze nzima ukubuyisela isidima sabantu.”