
Amapolisa ommandla wase Matatiele enze umahluko kumama ongathathintweni onamashumi amahlanu anesine (54) ubudala welokishi iHarry
Lo mama nguMthato Terresisa Lewatle (54), kuye kwabonakala ukuba nguyena mntu ungathathi ntweni usokolayo kulammandla. Eligqiza lesipolisa belikhatshwa yinkumanda yabo kwesasikhululo uKenel Maphelo Ngame. Isithethi samapolisa alammandla uKapteni Raphael Motloung uthi nangona nje i67 minutes yokukhumbula owayesakuba ngumongameli weli uNelson Mandela sele idlulile bona basaqhubekeka kwaye uthi babone kubalulekile ukuba bamxhase lo mama njengoko ikwayiyo nenyanga yoomama.
“Sigqibe ukuba makhe senze umohluko emntwini uluntu lungasijongeli ukuba sibamba abantu kuphela. Akaphangeli kwaye unabantwana abasixhenxe. Eyonanto siyenzile siye satyala negadi yalomama safakela neefestile ezintsha kulondlu njengoko bezisele ziqhekekile.”utshilo uMotloung
Ukanti ezinye zendaba ezimnandi zezokuba uLetlwale unikwe nomsebenzi ngalamapolisa nalapho kulindeleke ukuba amane eyokusebenza kwisikhululo samapolisa salammandla eyokucoca ngeempela veki.
Ngokwengxelo ka Motloung, uLetlwale khange akwazi ukuzibamba iinyembezi ngetuba etyelewe ngalamapolisa.
Kubanjwe abathathu ngezityholo zokuxhwila nokuqweqwedisa