UZuma akayongelosi, kodwa iANC luxanduva lika Mantashe

UThabo Mandila, olilungu leANC kwingingqi iWB Rubusana

Nangona
inkokeli yeANC uJacob Zuma engeyongelosi, sisibaxo eyokuba iingxaki zalo
mbutho zikhonjwe kuye yedwa. Enye yeengxaki zeANC engaselwa so yimanyano yalo mbutho
kwakunye nowamakomanisi kweli, iSACP. Umzekelo kumasipala ombaxa iBuffalo City,
iingxaki zeANC kwibhunga zibangelwe yiyantlukwano yamalungu ombutho weSACP. 

Owayesakuba nguSodolophu eBCMM uZukiswa Ncitha, nomanejala walomasipala
onqunyanyisiweyo uAndile Fani bakwiinkampu ezingaboni ngasonye kumbutho wamakomanisi.
Injongo yamakomanisi kukulithabathela kuwo ulawulo lweANC. Lo mbutho ubuthule kukho ingxwabangxwaba phakathi kwamalungu eANC. Iinkokeli zeSACP kweli phondo ziqale ukuba nezikhalazo emva kokuba amalungu alombutho ebezinqwenela ukuba abe kuluhlu labagqatswa booceba engathi azakushiywa enyanyeni.  

Iyantlukwano yamakomanisi ayiphelelanga
nje kwiingxaki zaseBuffalo City, ichaphazela iinkokeli zamakomanisi jikelele. UGwede
Mantashe ukhokele elinye iqela elingaboni ngasonye neqela elikhokelwe nguBlade Nzimande. Ukususela
oko lombutho wathi wamila iingcambu eluntwini, wavele wohluka kumbutho wamakomanisi afana nooJoe Slovo, kwakunye noChris Hani.

Amakomanisi angoku
agaqele izikhundla zase burhulumenteni. UNzimande okwa ngusihlalo weSACP uphila
ubom obuxabisa izigidi zeeranti, emva koko abe nesiphindi sokuxelela ilizwe ukuba ngeke likwazi
ukuhlawulela imfundo yasimahla. Ikwa ngulo Zuma sihleli simgxeka oweza
nesisombululo sexeshana ngethuba abafundi beqhankqalazela imfundo yasimahla, bengafuni nokuba kubhalwe iimviwo.

Oyena
mntu bekufanele ukuba uyaphendula ngoqulukubhode oqhubeka kwiANC nguMantashe.
Kutheni ndisitsho?

UMantashe
ufana nengqonyela yenkampani, ujongene nokwenzeka mihla yonke embuthweni.

Nguye
onoxanduva lokuphunyenza kwezindululo zeANC.

Nguye
ofumana izikhalazo zmalungu ombutho, ukusuka kumasebe alo mbutho.

Nguye
oqinisekisa ukuhlala kweentlanganiso zombutho, asayine iziphumo.

Ikwa
nguye
onoxanduva
lokuphunyezwa kweengxelo neziphakamiso.

UZuma njengo mongameli
nesekela lakhe bakwajongene nolawulo lwelizwe, kwaye akasebenzi yedwa. Eyakhe indima kukuqinisekisa ukuba usosiba uyawenza na
umsebenzi onyulelwe wona. UZuma zange wanikwa thuba ngabeendaba kweli. Kudala egxekwa ukususela ngexesha wayengusekela mongameli, etyatyekwa izityholo zobuqhophololo kwintengo yezixhobo. Ukususela ngoko, iindaba zasuka zaba ngenani labafazi anabo, yadlula apho yangento eyenziwa
ngabantwana bakhe, neyokuba ngoobani atshomene nabo. Le ndoda anditsho ukuba iqhuba kakuhle xodwa akangomntu ojongene noxanduva leANC imihla yonke, nguMantashe owohlulwe lelo xanduva.

UThabo Mandila lilungu leANC kwingingqi iWB Rubusana, olu luluvo lwakhe.