UMorena ngumdlali omtsha weMamelodi Sundowns!

IMamelodi Sundowns ibhengeze omnye umdlali omtsha ozakuthi ayincede xa kuqala isizini entsha.

Iintshatsheli ze-Absa Premier Soccer League, iMamelodi Sundowns, zibhengeze uThapelo Morena njengomdlali wazo omtsha.

Oku kulandela emva kokuba lo mdlali etyikitye isivumelwano seminyaka emihlanu yonke neSundowns.

Lo mdlali, odlalela iqela lesizwe labangaphantsi kwamashumi amabini anesithathu, ngomnye wabadlali abathe baqaqamba kwiBloemfontein Celtic nakwiPremier Soccer League ngokubanzi kwisizini ka’2015/16.

UMorena, 22, ebefunwa kakhulu nangamaqela afana neKaizer Chiefs – kodwa ke ekugqibeleni uthathwe yiDowns.

Eli chule ekudlaleni ibhola ekhatywayo lizakufumana ithuba lukudlala kwiCaf Champions League ukuba uPitso Mosimane ugqiba kwelokuba amabhalisele imidlalo yeCaf.

Ukugaleleka kweli tyendyana lalo mdlali kulandela emva kokufika kukaLucky Mohomi noSibusiso Vilakazi obefunwa ngapha nangapha ngamaqela adlala kwiPSL.