Bathunyelwa eChina abafundi beli

Usekela
mphathiswa wemfundo ephakamileyo uMduduzi Manana ekunye nonozakuzaku welizwe
lase China kweli Tian Xuijan
bazakwenza amazwi okugqibela kwiqela labafundi beli abangamashumi amathathu anesibini
abazakuba besinga kwelase China.
Eliqela labafundi lizakufunda kweliya lase China kwimikhakha eyahlukileyo
equka ezobunjineli, shishino, uqoqosho nezolimo ukuze kamva babuyele eMzantsi
Afrika.

 Ingxelo
yesebe lezemfundo ephakamileyo ithi oku kuzakunceda ukulwa ingxaki
yokunqongophala kwezakhono ezinqabileyo kweli loMzantsi Afrika. Urhulumente
weli ebambisene nelizwe lase China
baxhase ngezimali inkqubo yokufundisa ababafundi kweliya lase China. Ilizwe
loMzantsi Afrika linobudlelane ngokwaseburhulumente kunye nelizwe lase China kwaye
lisebenzisana kwimingxilo eyahlukileyo yentlalo nezopolitiko. Ngamakhulu khulu
abafundi beli abenza izifundo zobugqirha kwilizwe lase Cuba ngenxa yentsebenziswano ephakathi
kwelilizwe kunye nelizwe lase Cuba.

 Lomcimbi
wokuthi ndlelantle kwaba bafundi uzakuqhutyelwa kwi ofisi zomzi wozakuzo
welizwe lase China
ePitoli. Kwiveki ephelileyo uManana udibene nengqubo yabafundi eRhodes eRhini
ngethuba ebetyelele elaziko esiya kuba yinxalenye yengxoxo yabafundi.