Komphela: Kusafuneka sisebenze nzima

Amakhosi onwabile kakhulu emva kweziphumo ezincumisayo azifumene eFNB Stadium emalanga ngoMgqibelo odlulileyo – apho abethe khona i-Orlando Pirates ngo’2-0 kumdlalo weCarling Black Label obutak’iintlantsi odlalwa qho phambi kokuba kuvulwe ngokusesikweni isizini entsha ye-Absa Premier Soccer League. Abalandeli bebhola abangene ngaphakathi eFNB Stadium babalelwa ngaphaya kwamashumi asibhozo anesithandathu amawaka. Amagowuli amabini wempumelelo emdlalweni eze nomdlali wasemva oya kwi-Olimpiki, u-Eric Mathoho nefolosi uLewis Macha osuka eZambia. Umdlalo ubumhle futhi ubunika umdla kwizigaba zozibini zomdlalo – kodwa yiKaizer Chiefs ebinamandla. Ukuphumelela kwayo khange kothuse ngoba yiyo edale amathuba acacileyo kula mdlalo. Izamile ukuzilungisa iimpazo zayo iPirates kwisiqingatha sesibini. Ukuba ibikwazile iPirates ukuwasebenzisa amathuba amabini ewafumene phakathi kwisiqingatha sesibini, ngekuthethwe ezinye indaba ngoMgqibelo. Umqeqeshi weChiefs, uSteve Komphela, uzamkele iziphumo zomdlalo ngovuyo – kodwa watsho ukuba beliqela basenendlela ende ekufuneka beyihambile phambi kokuba athi bayilungele isizini entsha. “Yiveki yesine le sikuqeqesho. Ukungaqhubi kakuhle kwisizini edlulileyo kusahleli kuthi, kunyanzelekile ke ngoko senze ngcono kwisizini entsha. Kuninzi okufuneka sikwenzile,” utsho uKomphela.

UKomphela uthe kufuneka bajonge izinto ezifana nesantya ngoku – kodwa watsho esithi ixesha lisekhona lokwenza zonke izinto aqondayo ukuba zifuna ingqwalasela ngokutsha.