Akuvoti eKeilands

“Sizakuvuka kwakusasa siye phaya esikhululweni sovoto imini yonke sijonge lo uzakuya kuvota kuba sivene singabahlali ukuba akukho mntu ozakuvota apha eKeilands!” Oku kuthethwa yenye yenkokheli zengingqi yase Keilands ngaseCumakala uVuyisile Khonzapi eqinisekisa isigqibo sabo sokuba abazukuvota kwa wadi 5. 

Aba bahlali ngoEpreli walo nyaka baphazamisa inkqubo yokubhalisela ukuvota betshisa izixhobo zokuvota neziko lokuvota. 
“Sisemi apha sithi asisoze sivote kuba sifuna inkonzo amanzi, indlela, nombane, zonke ezo zinto azikenzeki ngoko ke asijiki asivoti apha,” uthethe oko uKhonzapi. 
UKhonzapi ngomnye kumadoda amane walendawo abanjwa avalelwa ngezityholo zokubangela udushe esidlangalaleni nokuphazamisa inkqubo yokubhalisela uvoto. “Ityala limiselwe umhla wamashumi amabini anethoba kule nyanga ka Agasti, amapolisa asakhangela abanye esityholwa nabo,”uchaze watsho uKhonzaphi. 
Le ndoda ikunye noogxabayo abaquka uMxolisi Dlubomi, Siyabonga Botha noThabile Nzuzo namadoda amabini angekafumaneki nabangela ukulibaziseka kwelityala. Usodolophu womasipala waseAmathole uNomasikizi Konza ngaphambili uxelele I’solezwe ukuba ingxaki zaphaya zifumana ingqwalasela. 
“Ayiyo nyani le yokuba akukho nto yenzekayo kulawadi sizenzile izindlu zangasese, namanzi siwafakile ngoku kusetyenzwa indlela,” utshilo uKonza.