Akufani nokuhlala phantsi, itsho indoda yelizwe laseZambia

UBingi Sakelo uziphilisa ngokuthengisa izinto zakhe ngaphandle kwenye yeevenkile ezigcwala kakhulu kwindawo yaseNdlovini ePort Alfred.

USakelo noneminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe (37) ubudala noyinzalelwane yaseZambia uthengisa iminqwazi, izikhafu, amabhanti nezinye izinto ingakumbi ezisetyenziswa kakhulu luluntu ebusika.

Lo kaSakelo uveze ukuba uluntu luyamxhasa kakhulu.

“Ndiyayifumana kakhulu inkxaso kuba noko ikhona imali endiyifumanayo nethi indincede kakhulu,” utshilo uSakelo ekwaveza ukuba ubone ukuba kwezi venkile ziselokishini kunye naseNdlovini makakhethe eyona inabathengi abaninzi nalapho abone iyi One Stop nathengisa ngaphandle kwayo.

USakelo ukwaveze ukuba ngemali athi ayifumane unceda ngayo usapho lakhe nanjengoko enenkosikazi kunye nabantwana ababini. Nangona ethengisa ngaphandle kwale venkile uBingi ukwaveze ukuba zikhona iintsuku aya ngazo kwidolophu yalapha ayothengisa khona, kodwa umahluko awukho kunaxa ethengisa kule ndawo. “Akufani nokuhlala ndiyazama kakhulu,” utshilo uBingi.

UZikhona Gqala nongumhlali waseNdlovini uthe, bayavuya kakhulu ngokuba uBingi athengisele ngaphandle kwale venkile kuba uninzi labo alunayo imali yokuya edolophini.

“Ezi zinto azithengisa apha ziyafana nezo zifumaneka edolophini, kwaye mna andinangxaki nakuthenga kuye,” utshilo uGqala.