Amathuba engqesho kuqoqosho lwenkunkuma

UMPHATHISWA wesebe lemicimbi yophuhliso lwezoqoqosho, imicimbi yezendalo kwanezokhenketho uSakhumzi Somyo, uwuphehlelele ngokusesikweni umsebenzi wokwenziwa kakuhle kweendawo zokulahla inkunkuma koomasipala baseMpuma Koloni.

Yimali ekwizigidi ezilishumi zeerandi (R10 million) ebekelwe bucala ukuphucula iziza apho kulahlwa inkunkuma. Oomasipala abazakuxhamla apha baquka i-Amahlathi, Ndlambe, Chris Hani, Ntabankulu, Makana, Mhlontlo neMaletswai.

Ezona ndawo kujongwe kuzo, kukubiywa kwecingo kwiziza zokulahla inkunkuma, ukwakhiwa kwendlela eya kwezi ziza kwanokwakhiwa kwendlu kanogada lowo wendawo.

Amathuba engqesho ekulindeleke ukuba adaleke kulo msebenzi abalelwa kumakhulu amahlanu, anamashumi amathathu ananye (531).Kwiveki ephelileyo, uSomyo utyelele ummandla waseQoboqobo kumasipala i-Amahlathi ukusungula ngokusesikweni eli phulo.

“Kuluvuyo kuthi ukuba nani apha namhlanje (ngoLwesine) xa sizoku phehlelela eli phulo lokuphucula uqokelelo lwenkunkuma kulo mmandla (waseQoqoboqobo). Njengoko nisazi akukho nto etyhafisa kubatyali-mali nakubakhenkethi ngathi yindawo enococeko olukumgagatho ophantsi,” utshilo uSomyo.

“Kungoko sithe gqolo sili sebe sithundeza oomasipala bethu ukuba bayibeke phambili into yoqokelelo nogcino lwenkunkuma ngokufanelekileyo ukuze ingachaphazeli impilo zabantu bakuthi, kananjalo ibe sisithintelo kwabo banomdla wokutyala imali enokudala amathuba emisebenzi,” kutsho uMphathiswa.

Ubongoze abahlali bale ndawo ukuba baliphathe ngobunono eli phulo. “Ibuhlungu into yokufaka imali uphinde ubone ukuba la nto ubuyifake kuyo iyekiwe yafa,” kutsho uSomyo.