…Lisuka kwiphepha 1

Omnye wamafama ase-Elliot, uHein Cloete uthe: “Asikhange sibenengxaki nokutya kweenkomo. Zonke izinto zethu bezilungele iimini ezinje.” Abaqhubi beenqwelo-mafutha, nabo bazibhaqe besengxakini yokuvaleleka ithuba elide ezindleleni.

UThabo Ranthamane, nobesuka ngase Mount Fletcher esingise eBarkly East uthe: “Siye savaleleka phakathi kweMatatiele neMount Fletcher isithuba eside. Kuthe emva kweyure ezine sakhululeka.” Abahlali abaninzi bavakalise ukuvuya ngenxa yekhephu kwaye bathi lizakuthothisa imbalela ekhoyo.

UManejala womasipala waseLundini uKhaya Gashi, uthe iidolophu ezenza lo masipala zishiyeke zingenambane ngenxa yale ngqele.

“Nam lo buqu khange ndiphangele (izolo). Abasebenzi siye sabajika kuba indlela ivalwe likhephu,” kutsho uGatshi.

UMasipala waseLundini wenziwa yidolophu yaseUgie, Maclear naseMount Fletcher.

Neendawo ezifana neMatatiele zithe zachaphazeleka kweli khephu. “Sifumene ikhephu elingathethekiyo into ethe yabangela ukuvalwa kweendlela. Uninzi lwabasebenzi [kumasipala iMatatiele] abakhange bakwazi ukuya emsebenzini,” kutsho isithethi kumasipala waseMatatiele uKhoboso Lebenya.

Obesakuba lilungu lepalamente kwiCope, uZola Mlenzana, uthi kwilali yakhe iLugangeni eMount Frere, kunyanzeleke ukuba ayokuthenga ukutya kweegusha kuba oko zixakiwe ezigusha ukuba zizakutya ntoni nanjengoko kumhlophe nje likhephu.

“Kubi kakhulu kwilali yethu, ingqele itsho njalo,” kutsho uMlenzana, osele elilungu leANC sithetha nje.

-Ingxelo yongezwe nguSithandiwe Velaphi