Isishwankathelo: Inkululeko isentabeni, ngokubhalwa nguNjingalwazi Ncedile Saule

Isihloko sale ncwadi sixhwitha umdla wakho oku kwentshotsho lixhwithwa ngukhetshe. Uthi ngokusibona ube sewufuna ukuva ukuba eli bali lingantoni na. Apha ndizakuthi gqaba-gqaba ndikusikele ngokuqhubeka kule ncwadi.

Ndiyabakhuthaza abantu ukuba emva kokuba befunde esi sishwankathelo bazithengele ezabo iincwadi bafunde le noveli. Ayipheleli nje ekubeni mnandi koko iphinde itsho ngesisulungekileyo isiXhosa esi. Uyosala unolwazi ngokubhala isiXhosa, ukusebenzisa izaci, amaqhalo kunye nezafobe ngendlela enobuchule.

Emva kokuba ufunde le ncwadi, isigama sakho sesiXhosa sizakuphuhla ungathethi nje ubengathi uyabonga, ubone nomXhosa wembala ethabatha isichazi-magama efuna ukukuva kakuhle. Ubukhulu becala le ncwadi ivelisa intlalo yaseCiskei ngeentsuku zocalu-calulo. Ivelisa indlela amapolisa ayekhohlakele ngayo. UNcedile Saule uliqala eKapa ibali lakhe apho sibona khona umlinganiswa oyintloko uBuyile evalelwa etrongweni eRobben Island emva kokuba ethengiswe ngumhlobo wakhe uAfrika. U-Afrika engamfuni nje uBuyile kungenxa yentombi uBoniswa eyamalayo kuba ifuna uBuyile hayi udlalani lo unguAfrika.

UBuyile kunye noBoniswa bafundisa esikolweni esinye eQonce kodwa bangabahlobo nje. Nokuba selethetha kakubi ngoBuyile uAfrika kuBoniswa usaliwa. Ude amthebise ngomtshato aphendule athi uBoniswa, “Hayi Afrika andifuni nokuba ndibe ndikuqakathisa, eyokuba sithandane into masiyilibale akukho nanye incwadi ebhalwe kuyo”. Ukufumana kwakhe incwadi eya kuBuyile ivela kumaqabane akhe wathi uzakuzibuyisela ngayo loo ncwadi ngokumxela emapoliseni ukuba uphethe incwadi yobunqolobi.

Baqala bathandana uBoniswa noBuyile kwaye into yabo yaziwa kuso sonke eso sikolo nakwilokitshi ababehlala kuyo. Uthe engekho egodukile uBuyile kwafika amapolisa ehamba noAfrika efuna loo leta. Ngelishwa awayifumana. UBuyile ubanjwa enika uNdayile le leta eMonti ehamba noBoniswa. UBuyile uyaqonda ukuba uxelwe nguAfrika kuba nguye yedwa obesazi ngalaa leta. UBuyile noBoniswa baphendula imibuzo yamapolisa. UBuyile ubethelwa oogqirha nezicaka kodwa uBoniswa yena akhululwe. Emva kokuba ebanjiwe uBuyile uAfrika uzenza umntu omncedayo ukuba aphume, kanti ufuna ukuzisondeza apha kuBoniswa. Ingxelo ayinika enkundleni uAfrika yenza ukuba uBuyile agwetywe ubomi bakhe bonke etrongweni. Uvela apha ukuba akamfuni uBuyile lo. Ngamaqhinga anawo uAfrika wafumana indlela yokulala noBoniswa, kwanyanzeleka batshate kuba uBoniswa wakhulelwa. Kuthe kanti loo mntwana ngokaBuyile kodwa uAfrika akayazi loo nto ucinga ukuba umntwana ngowakhe.

U-Afrika uya enqaba emzini wakhe. Kuphela iiveki engabuyi kodwa loo nto ayimkhathazi uBoniswa. Ngenye imini ubona kwiphephandaba ukuba uAfrika utshate ntombi yimbi. Kwezo mini naye uBoniswa uyabanjwa ahlale iinyanga ezimbini etrongweni.

UBuyelekhaya unyana kaBoniswa ufuna ukoluka. UBoniswa akazi ukuba amoluse njani kuba akangoTshawe. Ufumana ileta ethi uAfrika uqhawula umtshato. Umbuso uyabhukuqwa. OoAfrika bahlaselwa ngamajoni abanye babanjwe asinde yena ngokuthi abathengise. Kuvakala ukuba inkululeko ikufuphi. UBuyile namanye amabanjwa basiwa kwitrongo yasePollsmoor. Kungentsuku zatywala bayaphuma ooBuyile.

UBoniswa athi gqi ngaye kumabonakude atyiwe sisazela. Nangona engayi nje kwakhe uAfrika, usathetha noBuyelekhaya. Bathetha ngeendaba zokwaluka nezesikolo, amphe nomthabalala wemali uAfrika.

UBuyile ubuyile etrongweni ngoku. Usenomsindo. Ufuna ukuziphindezela kwiintshaba zakhe. Uthatha laa mali ebeyikhonjiswe nguNkuna aqale iprojekthi yokulima esebenzisana nomhlobo wakhe wakudala uKhuselo. Abantu basalwelwa amalungelo abo. Bayadutyulwa kufe abaninzi kuqhankqalazo. U-Afrika uxelelwa ukuba uBuyelekhaya akangonyana wakhe. Akafuni nokuyiva loo nto. U-Afrika uyabhubha kwingozi yemoto. Ushiya ilifa lakhe lonke kuBuyelekhaya. AmaTshawe akayithandi loo nto. Afuna ukutshisela uBuyelekhaya ebhumeni. Uyabaleka uBuyelekhaya uya kuloBuyile afike amkelwe aziswe kuyise uBuyile. UBoniswa kunye noBuyile babonwa kunye qho. Ilifa likaAfrika liphela likuBuyelekhaya.