USimbine wenze irekhodi elitsha

Imbaleki * -Akani Simbine uwuxhomile umgangatho kwabo azakube ekhuphisana nabo kwimidlalo ye-Olimpiki eRio, kumgama we-100m.

Le mbaleki yenze irekhodi elitsha kulo mgama kukhuphiswano obeluqhubeka eHungary ngokuhlwa ngoMvulo.

USimbine uphumelele olu khuphiswano kwimizuzwana eyi’9.89, waqabela umgca esodlula imbaleki yaseJamaica * -Asafa Powell ophume kwindawo yesibini. USimbine uphinde wenza ngcono kunendlela awayebaleke ngayo kwiinyanga ezine ezidlulileyo, ePitoli. Le nto yenziwe nguSimbine ilandela kanye emva kwerekhodi elaphulwe nguCaster Semenya ngoLwesihlanu weveki ephelileyo. USemenya ubaleke kwixesha elingu’1:55:33 waphumelela kwabasetyhini kumgama we800m, eMonaco kwiveki ephelileyo.

Nakukhuphiswano lamadoda le200m eBudapest uSimbine uphinde wakwazi ukuphumelela, wabetha nganeno kunexesha awalenza eBeijing kunyaka ophelileyo kwimidlalo ye-IAAF.“Siyavuyisana noSimbine noSemenya, kunye nabaqeqeshi nabaphathi babo,” utshilo * -Aleck Skhosana umongameli we-ASA.

“Le ndlela babaleke ngayo ibonakalisa ukuba baqhuba kakuhle ukulungiselela ukuya eRio, kwaye sibanqwenelela intlahla kumalungiselelo okugqibela. ”Kolunye ukhuphiswano obeluqhuba * -LJ van Zyl uphume kwindawo yesibini kwi400m, eshiya kancinci uRasmus Magi ophume kwindawo yesithathu.

Zintathu ngoku iimbaleki ezingamathemba okuba ziza- kubuya neembasa eBrazil, igolide okanye isilivere. uWayde van Niekerk, Caster Semenya no-Akani Simbine ziimbaleki ezingamathemba elizwe loMzantsi Afrika kukhuphiswano oluzakube lusenzeka eBrazil. Sele kushiyeke ixesha elingaphantsi kweeveki ezimbini ngoku, phambi kokuba iqale le midlalo eBrazil.