UKolbe noWayde bazakumela usapho eRio

Intshatsheli ye400m uWayde van Niekerk nomzala wakhe uCheslin Kolbe odlala kwiBlitzbokke, bobabini bazakube bekhangela iimbasa kwimidlalo ye-Olimpiki ezakudlalelwa eRion kwinyanga ezayo. Ngelixa besenza amabanga aphantsi babedlala kwiqela elinye lombhoxo, kodwa ukusukela oko balandele amakhono ohlukeneyo.

UVan Niekerk uzibalule kakhulu njengembaleki eMzantsi Afrika, ngelixa uKolbe yena engomnye wabadlali abankqenkqeza phambili abadlala ngasemva. Ingakumbi kumbhoxo wabadlali abalishumi elinesihlanu, nakwiiSevens utshatshele. UKolbe uthe usapho luyavuya ziindaba zokuba esi sibini sizakuya kwi-Olimpiki ngexesha elinye. ISevens izakube idlala okokuqala kwimidlalo ye-Olimpiki. “Besithethile ngethuba elingaka kwinyanga elidlulileyo, sincokola ngendlela esizakwenza ngayo imbali kusapho lwethu,” utshilo uKolbe.

“Kungona ingenayo ngoku kum engqondweni yonke le nto. Liwonga kakhulu kuthi sobabini, kwaye ithetha lukhulu kusapho lwethu, kuba sizakumela ilizwe lethu.”Bobabini aba badlali banethuba lokuphumelela iimbasa kule midlalo. UVan Niekerk yena into yakhe icacile kuba ugqugqise kakhulu njengembaleki kwalapha ekhaya.

IBlitzokke iqale ukuphakamisa unyawo kakhulu ekupheleni kwezini edlulileyo, yagqiba kwindawo yesibini kuluhlu lamaqela ehlabathi adlala kwiSevens.“UWayde ngoyena wayenesantya yonke le minyaka. Xa sidlala besisebenzela ukuyinika yena ibhola, yena into ebeyenza kukubaleka kuphela,” utshilo uKolbe. UKolbe naye uqale ngokudlala kwi-Athletiki phambi kokuba adlale umbhoxo lonke eli xesha.