USangweni uphoswe sisityhwentywe kwiRoyal Eagles

Iqela laKwaZulu-Natal elidlala kwiNational First Division, iRoyal Eagles, izame ukurhwebeshela kuyo umdlali ophambili weChippa United, uThamsanqa Sangweni – kodwa yakha phantsi isitya sigcwele.

USangweni ngomnye wabadlali abafunwa ngapha nangapha ngamaqela adlala kwi-Absa Premier Soccer League emva kokudlala kakuhle kwisizini ka’2015/16. Ukusukela ekupheleni kwesizini ephelileyo, uSangweni ufunwe ngamaqela afana neKaizer Chiefs ne-Orlando Pirates – kodwa ngoba ingumdlali osezingeni eliphezulu noxatyisiweyo, umphathi weChippa United, uSiviwe Mpengesi, ugqibe kwelokuba amgcine lo mdlali.

Lo kaSangweni ngumninawa kaSiyabonga Sangweni odlalele iPirates iminyaka eliqela, kodwa osele ebeke phantsi ebholeni ekhatywayo. Ngokwengxelo ekhutshwe liphephandaba lemihla-ngemihla, Isolezwe, ithi iRoyal Eagles ibizimisele ukwenza nokuba yintoni ayifunayo lo mdlali. “Indlela uMpisane ebemfuna ngayo uSangweni, kangangokuba ebezakumnika imali engaphezulu kubo bonke abadlali abadlala kwiPSL.

Kodwa kuzo zonke ezo nzame zabo, uSangweni khange afune nokuyiva eyokudlala kwiNFD,” utshilo osemfuthweni kwi-Eagles. Ingxelo ithi uSangweni uthe ufuna iqela elidlala kwiPremier Soccer League ukuze kube lula kuye ukubuyela kwiBafana Bafana.

Eli qela lityikitye abadlali abazenzele igama kwiPSL ngaphambili abafana noKatlego Mphela, Mark mayambela, Khethokwakhe Masuku noDominic Isaacs.

URichard Makhoba weRoyal Eagles uthe, zange wathetha noSangweni kodwa beleli qela bebenokuvuya kakhulu ukufumana lo mdlali.