Baxhotyiswe ngamakhono abantwana baseGobe

Abafundi bebenga leshumi besikolo iGobe Commercial kuCentane bafumene inyhweba yokutyelelwa ngumbutho iGobe Legends eyasungulwa ngabafundi bakuCentane abanemfundo enomsila, apho bebezekuxhotyiswa ngendlela yokuchonga amakhono kwiiyunivesithi.

Ngenxa yokuba iGobe Commercial izinze kwindawo esemaphandleni, lo mbutho ukholelwa kwelokuba kubanzima xa ungumfundi ophuma ezilalini ukuba ubenolwazi oluphangaleleyo malunga neenkqubo ezilandelwayo ukuze ungene eYunivesithi.

Lo mbutho wenziwe yintlanginisela yabafundi ababefudula befunda kwesikolo kwiminyaka eyadlulayo.

Umyinge wamanqaku ekufuneka unawo ukuze wenze eso sifundo usifunayo kunye nendlela yokuchonga elo khono ufuna ukulilandela eYunivesithi, zezinye zezinto ezichatshazelwe ngulo mbutho.

Umnxulumanisi walo mbutho uDibanisile Gcweka uthi xeshikweni beseYunivesithi baqaphele into yabafundi abatshintsha amakhono ngenxa yokungazazi kwasekuqaleni ukuba umntu ebefuna ntoni.

“Asifuni ukuba abantwana basemakhaya babethakale eYunivesithi, umntu achithe ixesha ngokutshintsha amakhono, yile nto ibangela sibacebise kwangoku,” utshilo uGcweka.

IGobe Legends uthi bayisungula ngo2011 xeshikweni befunda eWalter Sisulu University ngeenjongo zokuba bancende abafundi bakuCentane ngeenkqubo zaseYunivesithi ukuze bangathwaxeki.

“Sifuna unxibelelwano olumadla phakathi kwethu kunye nabafundi abasezikolweni ukuze sibancedise kuzo zonke izinto eziphathelene nokufaka izicelo kumaziko emfundo ephakamileyo,” wongeze watsho.

Ezinye iinjongo zalo mbutho kuncedana xa kukho lowo uyokufuna umsebenzi kwelo phondo afikele kwelinye ilungu lethu ukuze angasokoli.

Abafundi besikolo iGobe Commercial bathi bafunde lukhulu kulo mbutho kwaye ngoku bazakukhetha ngobochule amakhono abafuna ukuwenza eYunivesithi.

“Kuba sisezilalini besingenalwazi luphangaleleyo ngeeYunivesithi, kodwa ngoku sivile ukuba kukho iibhasari, kwaye thina sisoloko sisiva ngeezifundo zobunjineli , ezokuba ngunontlalo-ntle kodwa sicaciselwe ngamakhono amaninzi,” utshilo umfundi uDumisane Zaba (19).