IMpuma Koloni ibuye neBronze kumnyazi

Iqela lebhola yomnyazi laseMpuma Koloni labaminyaka ingaphantsi kweshumi elinesithandathu ligqibele kwindawo yesithathu, labuya nembasa yebronze emva kokubetha iRhawuti ngo’15-7. Oku kudlala kakuhle kweqela lalapha kulenyusele eli kwindawo yesithathu, belikwindawo yesine kunyaka ophelileyo.

Lona iqela labaminyaka ingaphantsi kweshumi elinesine khange liqhube kakuhle kuba ligqibe ukhuphiswano lukwindawo yesibhozo, kumdlalo wokugqibela neNorth West.

Ukubethwa kwabo yiNorth West ibiyinto ekunzima ukuyamkela, kuba umdlalo ubutakisa intlantsi macala omabini. Iqela belikhuthazwa yinkxaso yabazali abebekhwaza emacaleni. UMzukisi Nqwata osuka eMonti, nonentombi yakhe uLiyema ebidlala kweli qela ngomnye wabazali abakuthathele ingqalelo ukubaluleka kwenkxaso yabazali kwaba bantwana.

“Njengabazali bakhe sinethemba lokuba uLiyema angakwazi ukuya kumela uMzantsi Afrika ngenye imini. Silapha kuba siqaphele into yokuba udlala ngcono xa sikhona simbukele. Kuthi le nto ayikho mayelana nokuba libethiwe okanye liphhumelele iqela lakhe kodwa imayelana nenkxaso esimnika yona,” utshilo.

URachel King, ongumama kaZena King odlala ngasemva naye unento entle ayithethileyo encomekayo emva komdlalo: “Ndicinga ukuba iqela liqhube kakuhle kakhulu ukuza kuthi ga ngoku xa uqwalasela into yokuba abadlali baziqeqeshe iiveki ezintandathu kuphela, abafani namanye amaqela abenexesha elininzi lokuziqeqesha.

Okwi-ofisi yonxibelwano ephondweni * -Andile uthi basaqhuba kakhuhle abantwana ukuza kuthi ga ngoku, ingakumbi kwihockey nevolleyball.

“Namhlanje lusuku lokugqibela lwale midlalo, imidlalo esiza- kuthatha inxaxheba kuwo ngumbhoxo nevolleyball,” utshilo.