IStormers sidlala ngaphandle kwabadlali abaphambili ngoMgqibelo

Ngenxa yomthetho weSARU oqale ukusebenza kunyaka ophelileyo, abadlali ababalulekileyo kwiStormers uPeter Steph du Toit no-Eben Etzebeth bazakufumana ikhefu abalidingayo kule mpelaveki.

Umqeqeshi weStormers uRobbie Fleck utshilo emva kokuba liziqeqeshile eli qela ngoLwesibini ukuba * -Etzebeth noDu Toit bazakunikwa ithuba lokuphumla, njengenxalenye yezicwangciso zamaBhokobhoko.

Le nto ithetha ukuba aba badlali bazakuhlala phantsi kumdlalo wangoMgqibelo wokugqibela weSuper Rugby. IStormers sizakwamkela iSouthern Kings, eNewlands ngemizuzu emihlanu emva kwentsimbi yesihlanu ngokuhlwa.

Bobabini aba badlali badlala ngemva badlale ngokuzimisela kakhulu kwiStormers namaBhokobhoko kule sizini, uDu Toit oko ebedlala umbhoxo khange afumane thuba lokuphumla ukusukela kweyoMdumba.

Lo mdlali osele esuka kudlala kwiiSharks ufike nesakhono esitsha sokudlala umbhoxo, kwaye uxhuma kakuhle kwiibhola ezigityiselwa zisuka ngaphandle.

Yena * -Etzebeth uthathe ixesha ukuba aphinde abuyele emcimbini kwakhona, emva kokuba ekhe wahlala phantsi iiveki ezintandathu ngenxa yokwenzakala. Kule nyanga idlulileyo uzibonakalisile eyonanto abhinqe ngayo kwiStormers nakwiqela lesizwe.

Umdlali wasesizikithini sebala uDamian de Allende nomdlali ecabangeni uSiya Kolisi nabo khange babonakale xa beliziqeqesha iqela, kodwa bazakudlala xa kudlalwa neKings. “UPieter Steph no-Eben into ebenza bangadlali zizicwangciso zeqela lesizwe lokuphumza abadlali.

USiya noDamian sibanike ixesha elongezelelweyo ukuba bahlale neentsapho zabo, bazakuphinda babuyele ebaleni namhlanje,” utshilo umqeqeshi uFleck.