IMajagga Stars ziintshatsheli ezivunyiweyo!

IMajagga Stars ibethe iBaroka ngamagowuli amane kwelinye kumdlalo wamagqibela kankqoyi obubanjelwe kwibala laseNdlovini kwidolophu yasePort Alfred.

Kulapho bekubanjelwe itumenete ebibizwa ngokuba yiXI Masters FC ebinamaqela alithoba ebethathe inxaxheba. Umququzeleli wale tumente umnumzana * -Irvin Khonza uthe unobangela wokuba benze le tumente yindlela abaxhasa ngayo iYoung Pirates ezakube ithatha inxaxheba kwimidlalo yeSAB. “Sifuna bahlale bekulungele ukudlala, kwaye nemizimba yabo ibekwimeko elungileyo xa sekufike ixesha lokuba badlale,” utshilo uKhonza. Kodwa utshilo ukuba akawazi umhla ezakudlalwa ngayo imidlalo yokuhlakulela iSAB, into abayenzayo bona kukuxhasa iqela lendawo yakhe. Lo kaKhonza ukwaveze ukuba isigqibo sokwenza le tumente basithathe bengabaqeqeshi bamaqela ale ndawo. UKhonza uthe iintshatsheli, iMajagga Stars, ifumanele imali eyiR1,500 lo gama iBaroka ifumane iR700 ngokufumana indawo yesibini. S

izimisele ukuqhubela phambili ngokwenza iitumente ezikumila kunje kude kufike ixesha lokuba iPirates iyodlala, utshilo. Umqeqeshi weBaroka, uWellington Konza, uthe nangona bebethiwe kodwa imvuyisile indlela abadlali bakhe abadlale ngayo, kwaye ukudlala bade bafikelele kumdlalo wokugqibela kubonakalisa ukuba bayiqhelile futhi bayayazi indlela amanye amaqela adlala ngayo. Umqeqeshi wethutyana weMajagga FC, uLikhona Nkizo Mralana, uthe uvuyile indlela elidlale ngayo iqela lakhe kwaye likufanele ukuba ziintshatsheli ngoba lelona qela lidlala kakuhle kunawo onke amaqela ebedlala. “Besivuthulula yonke into ephambi kwethu kwaye sikufanele ukuba ziintshatsheli,” utshilo umqeqeshi.