#UZALO luza kudlala iintsuku ezintlanu ngeveki

Igosa eliphezulu kwiSABC uHlaudi Motsoeneng, ubhengeze kule veki ukuba, umdlalo oqhubayo kamabonakude uZalo, luzakongezelwa iintsuku ukusuka kwezo zintathu ukuya kwezintlanu ngeentsuku zeveki.

Esi sibhengezo sesiquphe, siza kanye kusuku emva kokuba iSunday Times ngeCawe idize ukuba, le ngqonyela yezemisebenzi eSABC, yasikhaba isigqibo sokunganikwa ikhontraka yesizini yesibini Uzalo, noluveliswa yintombi kaMongameli Jacob Zuma, uGugu Zuma-Ncube.

Lo msasazeli woluntu wangqina ngokwenene ukuba, uHlaudi Motsoeneng wasinyathela isigqibo samalungu amathandathu eSABC ngekaTshazimpuzi ka2015, isigqeba esasiquka uClara Nzima, uMaretha Bakkes, uVanessa Jansen kunye noReneilwe Sema -nesagqiba kwelokuba iSABC ingaqhubeki nokusasaza iziqendu ezithathu ezibizayo ngeveki zalo mdlalo oveliswa nguStained Glass Picture.

Emva kwezi ngxelo, nangona le nkqubo ixathula isixa se-R14 000 ngomzuzu, uHlaudi umile kwelokuba uZalo luzakwandiswa ngeentsuku ezimbini, ze lidlale iintsuku ezintlanu ngeveki.

“Ngoku, ndizakulunika iintsuku ezintlanu uZalo, ukuze lukhuphisane nezinye iisoapie okanye iidrama,” utshilo uMotsoeneng.

“Nayiphina imveliso eqhuba kakuhle kweli ziko, izakufumana iintsuku ezintlanu nanjengoko ndenzile kweminye imidlalo.”

Nangona lunemveliso ebizayo nje kuquka nekhontraka enkulu, Uzalo ngowona mdlalo obukelwa ngabaninzi kuyo yonke imidlalo eSABC.

simphiwe.freddie@inl.co.za