UDlamini ufumene umdlalo wekhulu

Nangona ebenokuvuya ngakumbi ukuba aBanyana Banyana bebezuze impumelelo, kodwa okubalulekileyo kukuba omnye wabadlali weli qela lesizwe sele ehambe umgama omde kakhulu. kumdlalo obuphakathi koMzantsi Afrika nelizwe lase-United States of America, * -Amanda Dlamini, udibanise imidlalo elikhulu[100] engumdlali weqela lesizwe.

Yinto enkulu kakhulu leyo kwaye ulandela uPortia Modise oyeke kunyaka ophelileyo kweli qela lesizwe lamantombazana adlala ibhola ekhatywayo, iBanyana Banyana, lifumene uvavanyo olunzima kakhulu kumdlalo wobuhlo eliwudlale ne-United States of America. ABanyana Banyana babethwe ngegowuli elinye kwinto engekhoyo kumdlalo wobuhlobo ngoMgqibelo odlulileyo umhla wethoba kwibala ekuthiwa yiSoldier Field.

Iqela loMzantsi Afrika liye kulo mdlalo lisazi kakuhle elikulindeleyo kwiintshatsheli zehlabathi, kodwa ke injongo ephamili kukulungiselela imidlalo ye-Olimpiki. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iqela lesizwe lase-USA linkqenkqeza phambili emva kwegowuli elifakwe nguCrystal Dunn, ofumene ibhola entle kuMallory Pugh ngomzuzu wamashumi amathathu anesihlanu. Ukaputeni woMzantsi Afrika, uJanine Van Wyke unqande amanzi engena endlini kwisigaba sokuqala iintshatsheli zehlabathi zifuna int’ibilapha. ABanyana Banyana babephantsi kwelo xinizelelo phantse wonke umdlalo. Iinguqu ezenziwe ngumqeqeshi, uVera Pauw, kwisigaba sesibini azizanga nalutshintsho.

Ukufumana imidlalo ekumila kunje kuluncedo kwiqela likaPauw ngoba kulindeleke lidlale noompondo-zihlanjiwe kwimidlalo ye-Olimpiki kwinyanga ezayo eBrazil.