Umhlalutyi uthi uyayazi into ayenzayo uErtugral

Umqeqeshi omtsha we-Orlando Pirates, uMuhsin Ertugral, kubonakala ngathi uzakubakhulula abadlali abafana noLehlohonolo Majoro noSifiso Myeni, kodwa umhlalutyi uthi akukho sizathu sakuxhalaba yilo nto.

Isivumelwano sengqesho sikaMajoro nePirates sesiphelelwe. Iindaba eziphuma kwinkampu yeBucs zithi uMajoro noMyeni baphambili kugxudululu labadlali abazakuchithwa leli qela. Amabhakaniya aphantsi komqeqeshi omtsha ongungqondongqondo, uMuhsin Ertugral, otyikitye isivumelwano seminyaka emithathu kwinyanga ephelileyo. Kulindeleke iPirates ikhangele indlela engcono yokwenza izinto kwisizini intsha emva kokuba iphele isizini ka’’2015/16 ingenanto etafileni. UMyeni ngomnye wabadlali ebebasebenzisa kakhulu * -Eric Tinkler ngethuba eqeqesha iPirates, kodwa kwisizini edlulileyo lo mdlali uhleli ixesha elide engadlali ngenxa yokwenzakala.

Isizini iphele eyinxalenye yeqela eliqala imidlalo. Lo kaMyeni uhamba enemfumba yamava emva kokunceda iPirates kwimpumelelo yayo yeendebe nemidlalo yeCAF Champions League neCAF Confederation Cup. Nangona yena uMajoro wemka kwiKaizer Chiefs kuba wayekhalela ukunganikwa amathuba okudlala phantsi kukaStuart Baxter, kodwa izinto azihambanga ngale ndlela ebefuna ngayo.

Akukho nto ingako ekunobhalelwa ngayo ekhaya ngokuhlala kwiPirates ngoba akadlalanga ngala ndlela wayedlala ngayo kwiChiefs. Abanye abadlali abakhululweyo zezikaMagebhula nguJacky Motshegwa aze alandelwe nguMenzi Masuku, uThembinkosi Lorch noMaselaelo Seanego abathathwe yiChippa United. umhlalutyi webhola ekhatywayo, uSinesipho Mali, uthi nangona izinto zingamhambelanga kakuhle uMajor, kodwa akacingi ukuba ukuya kwakhe kwiPirates kwabayimpazamo. “Enyanisweni uMajoro akakwazanga ukusinika izinto ebezilindelekile kuye. Ndicinga ukuba izinto ezibangele kubenjalo zizinto nje ezingadibananga nebhola. Makanikwe ithuba umqeqeshi ngoba uyayazi into ayenzayo,” utshilo uMali.

Amakhakaniya alungiselela umdlalo ophakathi kwawo neChiefs weCarling Black Label ekupheleni kwenyanga.