Akayideli iSouthern Kings uJohan Ackermann

Iinduku zikhutshiwe emgqubeni kule mpelaveki kwiSuper Rugby. Le yimpelaveki ephambi kweyokugqibela kolu khuphiswano.

Iqela elihamba phambili kwiSuper Rugby, iGolden Lions lijonge ukuyiqoshelisa njengeentshatsheli le sizini. Umqeqeshi weli qela uJohan Ackermann uthi kufuneka bangalijongeli phantsi iqela abazakudlala nalo namhlanje iiSouthern Kings.

Ukhethe elona qela lakhe alithembileyo * -Ackermann ukulungiselela lo mdlalo wanamhlanje, kodwa into ecacayo kukuba uzakuphumza abadlali abaninzi bakhe abaqhuba kakuhle.

Le nto uyenza ukulungiselela umdlalo wokugqibela weeLions xa indwendwela iiJaguares kwiveki ezayo. Alikho iqela ekubonakala ngathi lizakunqanda okanye lisuse iiLions, ekhokela kwinkomfa yamaqela alapha e-Afrika yesibini.

“Kuqala kufuneka siphumelele kule mpelaveki, ngethemba sifumane nenqaku lebhonasi emva koko siza- kujonga imeko yethu ukuba ime- njani na,” utshilo * -Ackermann.

“Isigqibo sokuba sihambe nabadlali abasemcimbini okanye abangomelelanga kakhulu kodwa loo nto ayizuxhomekeka kumanqaku esinawo.

“Zininzi izinto ekufuneka siziqwalasele ezifana nokuphumza abanye abadlali abaquka uFaf de Klerk, Elton Jantjies, Franco Mostert, Jaco Kriel noRuan Combrinck, aba ngabadlali abawudlale kakhulu umbhoxo kwezi veki zidlulileyo. Into ebalulekileyo sisimo sabadlali phambi kwemidlalo eyandulela amagqibela kankqoyi.” Lo mqeqeshi utyumbe abadlali abanye abangamashumi amabini anesithathu, abebedlala kumdlalo weveki ephelileyo neeSharks.

Kwelinye icala iVodacom Bulls ayikancami kuba isajonge amathuba ayo okudlala kwimidlalo yeeplayoffs. Amathuba okwenza le nto engenyuka nangakumbi ukuba iiBulls zibethe iSunwolves kule mpelaveki.