Amathuba emisebenzi kwindlela eya eDwesa

Kuzakuthi kudaleke amathuba engqesho kwabaninzi kummandla woomasipala waseMbhashe nanjengoko kuzakuqalisa ulwakhiwo lwendlela esuka kuGatyana iyokuxhaswa lulwandle eDwesa.

Usodolophu walo masipala uNonceba Olga Mfecane uthi ngoLwesithathu bebenendibano kwakunye noonokontraka abazakube besakha le ndlela.

Le ndibano ibiquka iinkosi zendawo, oosibonda, imibutho yeeteksi kwanoosomashishini bommandla waseMbhashe.

Ukwakhiwa kwale ndlela kuza emva kwenyhikityha yengozi yebhasi yakuGatyana eyasuba imiphefumlo ekumashumi amathathu anesithandathu kweyeThupha nyakenye, nto leyo yavuselela izikhalo zabantu bale ndawo ekudala befuna indlela esemgangathweni ukusuka edolophini ukuya eDwesa.

UMfecane uthe: “Eyona njongo yendibano besicacisa ngohlobo oluzakuthi luhambe ngalo olu lwakhiwo lwale ndlela njengoko sinezigaba ezine, isigaba sokuqala sizakuqala edolophini kuGatyana ukuphuma kwayo kuzakuthabatha iinyanga ezilishumi elinesibhozo (18).”

“Abantu abazakuqashwa bazakubangamashumi amathathu (30) kwiwadi nganye (kwezo zintathu) ekuzakube kusetyenzwa kuzo. Xa kusiyiwa kwenye iwadi kuzakusebenza abantu baloo wadi,” kutsho uMfecane.

Ixhoba elashiywa ngumyeni walo kula ngozi yonyaka ophelileyo uPholiswa Mbane uthi, uyazivuyela ezo ndaba zolu lwakhiwo lwale ndlela nangona nje kusenzima kuye esenentlungu ngokuphulukana nomyeni wakhe.

abongile.ginya@inl.co.za