UMkhize utyikitywe yiPirates

Umdlali ophambili kwiMaritzburg United, uThamsanqa Mkhize, uthathwe yi-Orlando Pirates ngokweengxelo ezivakele izolo.

Lo mdlali akafunanga ukuzibophelela ngokutsha kwiTeam of Choice phambi kwesizini entsha ye-Absa Premier Soccer League ngokwengxelo ethembekileyo yeSolezwe.

Bekusoloko kuvakala ukuba iPirates imfuna kakhulu, ngoku kuvakala iindaba ezithi uMkhize utyikitye iminyaka emthathu neli qela laseGoli. Lo kaMkhizwe, waseCato Ridge, ulandela ezithendeni zenye intsizwa yaKwaZulu Natala, uNkosinathi Mthiyane, obedlalela iChippa United othe wazibandakanya nePirates.

“Luvavanyo lwempilo ebelenza apha evekini kwaze emva koko kwavunyelwana ngezinto zonke. Sele ebonene nomqeqeshi wePirates, uMuhsin Ertugral, futhi wakuvuyela oko. Wamkelwe lo mdlali ngu-Ertugral nangona wafunwa engekafiki. Abantu abaninzi abamazi kakuhle uMkhize. Ngokokwam lo mdlali uzakuqinisa ukhuphiswano emva,” utshilo umntu ongafunanga kuchazwa ngegama.

UMkhize, ongumdlali wasemva nasesiswini, ngomnye wabadlali abancede kakhulu iMaritzburg United ukuze isinde ezembeni kumdlalo wokugqibela ne-Ajax Cape Town eHarry Gwala Stadium.

Uzenzele igama kodwa ngethuba esadlalela iGolden Arrows kwiisizini ezidlulileyo. Ekuqaleni kwale iveki iiSea-Robbers zityikitye umdlali wasemva weBaroka FC ogama linguDonald Mokondolela. Omnye umdlali ekulindeleke ukuba enze ezibukwayo osuka kwiBaroka nguThabiso Kutumela oyifolosi.