Amangcwaba aseSada akahoywanga

Uluntu lwaseSada kufuphi nakuKomani lukwintlupheko yokujongana nokunqongophala kwendawo yamangcwaba okufihla abo bangasekhoyo.

Sele kulithuba le ngxuba-kaxaka ikhona, kwaye uninzi labantu lukhala esimantshiyane lusithi alukhathelelwana ngabasemagunyeni.

Batyhola ngelithi, amangcwaba akhoyo akakhathalelwanga kwaye uninzi lawo lukwimeko embi. Alukho ucingo olubiyela amangcwaba, ngelinye ithuba abantwana babonwa bedlala kula mangcwaba.

Ixhala labantu balapha zizifo ezinokuthi zifunyanwe ngabantwana xa bedlala.

UNomsa Bobo, nongumhlali kule ndawo uthe: “Siqaphele ukuba inkululeko yeli lizwe ingcanyulwa ngabantu abathile. Abasemagunyeni abazimisele nakanye ukusinceda kule ngxaki sikuyo.”

Utyatyadule echaza ukuba abantu abanemihlaba ekufutshane nalapha zizibonda kwakunye neenkosi ezithile, ezazikho ngexesha loburhulumente base-Ciskei.

Amangcwaba alapha akufutshane nedama elibonelela ngamanzi acocekileyo okusela kwesisithili. Abahlali balapha bayicaphazele into ethi imibhobho yamanzi engenisa amanzi emizini inqumla ngaphantsi kwala mangcwaba.

Ozigqatsele ukuba nguceba kwaWadi 24 weqela iUnited Front, uKhaya Gwana uphawule wenjenje : “Abantu bafikelwe lithuba lokuba baphakame bazenzele izinto ngokwabo. Abasemagunyeni abanambono ngabantu bale ndawo, into abazimisele ukuyenza kukuzalisa ezabo izisu kuqala. Ndinoloyiko lwento enokwenzeka xa kunokuthi kugqabhuke imibhobho yala manzi ahamba ngaphantsi kwamangcwaba.”

Amangcwaba athile abonakalisa ukonakala kuba izilwanyana ikwayindawo yazo yedlelo.

Inkokheli yombutho i Democratic Alliance, uThembela Xelisilo wangeze ngelithi, kudala umasipala wase- Lukhanji waxelelwayo ngale ntlungu kodwa uthe gqolo ebonakalisa ukungayikhathaleli.

Uhambise wathi kumele kubiyelwe amangcwaba kusetyenziswa amatye njengakuKomani.

Omele umasipala waseLukhanji, uBongani Mngese uphendule wathi kwezi zithyolo.

“Imeko yokunqongophala komhlaba wamangcwaba iphantsi koqwalaselo. Siphantsi kwephulo lokubonisana nabantu abafana neenkosi ukuze sifumane imihlaba ethile ephantsi kolawulo lwabo.

“Ingxoxo zizakuqhubeka ukuze ekugqibeleni sibenakho ukufikelela kwisivumelano esithile. Uluntu kufuneka luyilumkele indlela onokuthi lo mcimbi usetyenziselwe izizathu zopolitiko nenjongo yokulahlekisa,” kutsho uMngese.