UKhista uthi uyaziwa jikelele ngokuthanda iChippa United

Namhlanje I’solezwe lesiXhosa lidibene nomnye umlandeli weChippa United ongeva blowu nastatshi ngayo futhi oqinisekisa ukuba uyilandela naphi apho iya khona. UKhasta usibalisela banzi ngothando nohambo lakhe neeChilli-boys.

Pedro Mapelo: Siyakwamkela kweli phephandaba. Ngokufutshane, ukuba ungubani, uhlalaphi?

Kayalethu Tu: Igama lam ndinguKhayalethu, ikhaya lam liseTinarha, kodwa ngokokuhlala ndikwaNobuhle. Abandaziyo bathi ndinguKhista.

PM:Uqale nini ukuba ngumlandeli weChippa United?

Ndaqala ukulandela iChippa United kula nyaka yafika ngawo apha eBhayi. Eyona nto yanditsala kakhulu apha kuyo kukuba yayisondele kum okanye yayifikeleleka njengomntu ebehleli ezithandela ibhola. Ibhola yinto endiyithandayo kakhulu, kangangokuba ndikwanguye umququzeleli wemidlalo apha kulo mmandla wam.

PM: Kunjani ukuba ngumlandeli weeChilli-boys?

Kumnandi kakhulu ukuba ngumlandeli weChippa ngoba sifumana ithuba lokuqokelelana singabalandeli siphinde sakhane ngezinto zobom.

Enye yezinto ezimnandi ngokuba yinxalenye yesebe labalandeli kukuba siyasondelelana nabalawuli beqela nabadlali bayavuya kakhulu xa sidibana nabo.

PM: Uziva njani njengokuba iChippa United ivale isizini kwindawo yesithandathu?

Siyavuya kakhulu. Basebenzile abadlali bethu kwisizini ephelileyo nangona besinengxaki yokubethwa kakhulu kwimidlalo yangaphandle. Ukufumana indawo yesithandathu yimbali kweli qela lethu.

PM: Khawusiphe iqela lakho njengomlandeli omkhulu.

Daniel Akpeyi, Diamond Thopola, Nkosinathi Mthiyane, Maponyane, James Okwuosa, Thamsanqa Sangweni, Joseph Molongoane, Buyani Sali, David Zulu, Andile Mbenyane noMlambo.

PM: Umyalezo wakho kubaphathi beChippa United nakubantu beMpuma Koloni.

Ndifuna ukuthi abaphathi beChippa mabazame bafumane abaxhasi kule sizini ukuze bazokwazi ukubamba abadlali bangahambi ngokubabhatala imali engcono kunokuba besenza.

Ingase iChippa United ibenezinto ezenzela abantu ngoba yeyabantu. Okunye endikunqwenelayo kukuba abantu balapha eMpuma Koloni bayixhase iChippa kakhulu ngoba kuphela kweqela esinalo apha.