Kufuneka ezibonakalisile uNotshe

Umdlali weStormers uNizaam Carr uzakuphoswa ngomnye wemidlalo ebalulekileyo yeli qela kwiSuper Rugby kule mpelaveki.

Oku kulandela emva kokuba engakwazanga ukuphola kwangethuba kumenzakalo wakhe egxalabeni. Lo mdlali kulindeleke ukuba abuyele eMzantsi Afrika, ngokwengxelo ekhutshwe kwikhasi lomnantha leStormers ebutsheni bale veki. UCarr uphume phakathi kumdlalo wempelaveki esisuka kuyo ekhutshwa kukwenzakala, kwaye bekuthiwe uzakudibana nogqirha eKapa. Ilungu labadlali beSpringboks uSikhumbuzo Notshe kulindeleke ukuba ibenguye ongena endaweni kaCarr, indawo yesithandathu ebaleni. UNotshe khange afumane thuba lokudlala kwiveki ephelileyo.

Umqeqeshi weStormers uRobbie Fleck kwiveki ephelileyo uthe ibisigqibo esinzima ukubeka uNotshe ngaphandle. UCarr uye wadlala nje ecabangeni kwicala elivulekileyo lebala, uSiya Kolisi naye ebedlala ecabangeni kwicala elivalekileyo lebala. USchalk Burger naye uye waqhwalela wangena ebaleni, kwindawo yesibhozo nangona ebuya ekwanzakaleni. Lo mdlali usele ethatha nesikhundla sobukapteni kulo mdlalo endaweni kaFrans Malherbe owenzakeleyo. UBurger ebesoloko etshintshana ngendawo yokudlala noCarr, uNotshe noKolisi njengokuba uFleck ebemane ebatshintsha kule sizini.

NgoMgqibelo uNotshe wenze umsebenzi oncomekayo xa ebamba ibhola kumdlalo ubuphakathi kweStomers neRebels. Nguye ogqobhoze ngaphaya kwabadlali beRebels ukuze anike uDamien de Allende ithuba lokungqengqa emgceni kwisiqingatha sesibini. Ngaphandle kwamathandabuzo, unawo umdla wokuphinda atsale amehlo kaFleck xa eli qela lidlala neForce. Le nto ayizokumnceda kwiStormers kuphela, kodwa nomqeqeshi weSpringboks * -Allister Coetze anganomdla, njengokuba elungiselela imidlalo yenyanga ezayo. UNotshe unalo ithuba lokuya kwiiBoks, emva kokwenzakala kukaWarren Whitely noDuane Vermeulen.