Ikhulule isibhozo sabadlali iMaritzburg United

Iqela eliphantse lathotyiselwa kumgangatho ongezantsi, iMaritzburg United, likhulule phantse bonke abadlali abalidlaleleyo kwisizini epheleliyo njengenyathelo lokuqala lokubeka iziseko zalo ezomeleleyo phambi kwesizini entsha.

Nanga amagama abadlali abathe bakhululwa: Mohammed Anas (uyathengiswa), Tawfeeq Sallie (ukhululwe), Khumbulani Banda (ukhululwe), David Booysen (ukhululwe), Thamsanqa Mkhize (ukhululwe), Menzi Chili (ukhululwe), Thamsanqa Teyise (ubuyela SuperSport United) noKwanda Mngonyama (ubuyela kwiSundowns).

Eli qela laKwaZulu Natal lithathe esi sigqibo emva kokuba lisinde ngokulambisa kwisizini ka’2015/16 elisokole kuyo kwade kwasekugqibeleni. Yimbali ngoku leyo, iMaritzburg United, ithi ifuna ukwenza iinguqu ezizakuthi zilimisele eli qela ngokupheleleyo kwi-Absa Premier Soccer League. Inyathelo lokuqala ibekukunika umqeqeshi walo, * -Ernst Middendorp, isivumelwano esongezelelweyo seminyaka emibini.

Umsebenzi wakhe ophambili kukuqinisekisa ukuba okwenzeke kwisizini ephelileyo akwenzeki kwakho futhi kukho uzinzo eqeleni. Lo kaMiddendorp ufike kwi-United xa ithe gabhu isizini ka’2015/16 emva kokuba igxothe uMandla Ncikazi noClive Barker. “Sonwabe kakhulu njengokuba umqeqeshi ephinde wazibophelela.

Ngoku uzakuqala amalungiselelo esizini entsha. Siqinisekile amalungiselelo ethu azakuhamba kakuhle kakhulu xa sijonga izicwangciso anazo. Sizimisele ukunyusa iikawusi kwisizini entsha,” utshilo uBrian Zuma, umanejala wezonxibelelwano kwiMaritzburg.

Njengeqela eliqhele ukukhuphisana ngamandla namaqela amakhulu, iMaritzburg United, kulindeleke ukuba ibhengeze abadlali bayo abatsha kungekudala abazakuthi bancedise eli qela kwiinjongo zalo ezintsha.

Isabambelele kubadlali bayo abafunwa kakhulu ngamaqela amakhulu aseGoli.