ULaffor uzakuhlala kwiSundowns

Bekusoloko kukho amarhe athi umdlali-siswini weMamelodi Sundowns, * -Anthony Laffor, angahamba phambi kwale sizini intsha izayo – kodwa umqeqeshi uPitso Mosimane ukhawuleze wabaqinisekisa abalandeli beqela lakhe ukuba akayi ndawo lo mdlali.

Bekukho iingxelo ezithi uLaffor ufuna ukuhama kwiSundowns emva kokunqunyanyiswa kwakhe ngenxa yokufika emva kosuku ebelubekelwe phambi komdlalo weCAF Champions League odlalwe yiSundowns kwiveki ephelileyo. Ngoku ukunqunyanyiswa kwakhe kuxhonyiwe emva kokunikwa isohlwayo.

UPitso uthe bekufanele uLaffor uyinxalenye yeqela labadlali abadlale ne-Enyimba – kodwa akubanga njalo ngenxa yezinto ezithile zasekhaya. “Akabikwa hlaba uLaffor; bekufanele ukuba ulapha. Intombi yakhe encinci ingeniswe esibhedlele, ayiphilanga,” utshilo uJingles kwiveki ephelileyo kwiintatheli. “Usajonge impilo yomntwana wakhe okwangoku, bekufanele ukuba ulapha. Ukunqunyanyiswa kwakhe kuxhonyiwe. Uyazenza naye iimpazamo njengabanye abadlali. Ubuye emva kwexesha – kodwa asigxili kakhulu kwezo zinto thina. Wohlwayiwe, okubalulekileyo kukuba unesivumelwano sengqesho neSundowns.

Zizinto ezithile esizakuthi sizisombulule, qha imeko yakhe iyafana nale bendikuyo,” uvale ngalo mazwi uPitso. Ngokuqinisekileyo, iDowns, khange ifune ukuphulukana nomnye umdlali wayo obalulekilyo emva kokuba iphulukene noRamahlwe Mphahlele otyikitywe yiKaizer Chiefs kwiveki ephelileyo. Nangona uLaffor engakwazanga ukudlala imidlalo emininzi kwisizini ephelileyo kunezo zangaphambili – kodwa kuyacaca ukuba umqeqeshi weDowns usamthembile.

Ngomnye wabadlali abanamandla futhi enokuthi iSundowns ixhathise ngabo kwimidlalo yayo yeCAF Champions League. Eli qela lasePitoli liphumelele umdlalo walo wokuqala ngokuthi libethe i-Enyimba yaseNigeria ngo’2-1 eLucas Moripe Stadium kwiveki ephelileyo.