Amanina axhobisene kucweyo ngemiba yawo

Imiceli mngeni ejongene namanina kwilizwekazi laseAfrika nakwilizwe jikelele ishukuxwe ngamandla kwipalamente yamanina ephondo leMpuma Koloni ebintsuku mbini nebibanjelwe eMthatha.

La manina ebeqhuba ipalamente yawo ebizwa iCommonwealth Women Parliamentarians eqwalasela umgama osele uhanjiwe ukulwa nemiceli mngeni yawo equka ukuthwalwa kwamantombazana aselula, ubungakanani bamanina abambe izikhundla eziphezulu kupolitiko,umba wokungalingani ngokwesini neminye.

Le ndibano yeyesibini ukubanjwa kweli phondo kulandela ebiseMonti ngo2013 nekulapho kwavunyelwana ngokulwa imeko yokubhubha kwabantwana abancinci kulo mmandla nezinye.

UBulelwa Tunyiswa ongusihlalo wesebe likazwelonke leCommonwealth Women Parliament uthi iinjongo zale ndibano kukuqinisekisa ukuba amanina athabatha inxaxheba kwezopolitiko ukuze afake umfutho kwizigqibo ingakumbi uMzantsi Afrika osele uhlabele mgama kwinyathelo likamakulingwane. “Lo mbutho wamanina unamasebe alikhulu namashumi asibhozo ananye (181) ehlabathini, ohlulwe ngokwengingqi ezifana nelizwekazi laseAfrika, India, Australia namanye kodwa undlunkulu wethu useKenya,” kutsho uTunyiswa.

“Ezona zinto ziphambili kukunyanzelisa ukufakwa kwamanina ezikhundleni ukuze abenegalelo kwizigqibo ezithathwayo,ekugqibeleni kuzophela izinto ezifana nokuthwalwa kwamantombazana aselula,nokuphathwa gadalala,” utsho uTunyiswa.

Usodolophu womasipala we-O. R. Tambo uNomakhosazana Meth uthi le palamente yamanina ibanike iqonga lokuqwalasela baxoxe umba wentswela ngqesho ozala ukuphathwa gadalala kwabantu basetyhini, ubundlobongela basemakhaya neminye imiceli mngeni.

UQueen Tina Madosini Ndamase olilungu lombutho wamakhosikazi akomkhulu uthi bafunde lukhulu ngezingxaki ingakumbi ukungabikho kolwazi nengxaki yokuthwala kwamantombazana.

Uthi kusamele amanina axhotyiswe ngolwazi nto leyo bazimisele ukuyenza rhoqo.