UComitis ulithiye igama iqela lakhe

Kukho iqela elitsha eKapa. Lo nto ithetha ukuba ibhola ekhatywayo izakudlala abantwana kweliya leentlanzi.

Iqela ebelifudula liyiMpumalanga Black Aces linikwe igama elitsha izolo eKapa. Ngoku yiCape Town City FC. Oku kulandela ukuthengwa kweBlack Aces ngowayexhuzula imikhala kwi-Ajax Cape Town kwiminyaka embalwa edlulileyo, uJohn Comitis.

Lifudukele eKapa ke nanjengoko engummi wakhona. Umnini weli qela litsha laseKapa, uComitis, ubize iintatheli kwinkomfa athe wabhengeza ngokusesikweni iinkcukacha ngeqela lakhe.

Lo kaComitis uthe injongo ephambili kwiqela lakhe kukudlala ibhola enomtsalane ukusukela kwisizini ezayo. “Sizakudlala ibhola ekhawulezayo, engumxube yebhola eqhelekileyo kwiindawo zasezilokishini nakwiindawo zabebala kwaye sizimisele ukubuyisa amaphulo ayekhuthaza ibhola ngoLweezihanu eKapa,” utshilo kwiintatheli uComitis.

Emva kokuthiwa paha kokuthengwa kweMpumalanga Black Aces, kwabakho isiphithiphithi ngabadlali abahamba neqela nabo bangafunwayo. Lo nto yayibangelwa kukwenziwa indaba yakwamkhozi kwalo mba ngabaphathi beMpumalanga Black Aces bangaphambili. “Bonke abadlali abalapha babefunwe nguMuhsin Ertugral,” utshilo uComitis.

Kodwa ngelishwa * -Ertugral ukreqele kwi-Orlando Pirates kwiiveki ezimbini ezidlulileyo. Lo nto ithe yamnyanzela uComitis akhangele umqeqeshi omtsha. Eli qela litsha lifumene * -Eric Tinkler okhululwe yiPirates emva kokungaqhubi kakuhle kwisizini ephelileyo.

Bekuvakele kumajelo eendaba kwezi veki zidlulileyo ukuba iCape Town City izakuqhogana neqela elikhulu lasemangesini. “Ngaphandle kwamathandabuzo siliqela elineenjongo eziphakamileyo.

Sithethile neqela laphesheya, iManchester City, ngenjongo yokusebenzisana nalo kodwa kuxhomekeke kulo ukuba umbono wethu bayawuthanda,” wongeze ngaloo mazwi umnikazi weli qela litsha.

ICape Town City izakusebenzisa iCape Town Stadium njengekhaya layo. Imibala yezikipha eblowu natyheli idandalaziswe esidlangalaleni izolo.