Mashaba: Kunyanzelekile siye eRussia

Imidlalo yokuhlakulela itumente yamazwe ase-Afrika ngo’2017 igqithile, itumente yeCOSAFA nayo idlule. ngoku iqela likaShakes Mashaba lijongene nowona msebenzi ubalulekileyo, ukuzibekela indawo kwi-2018 FIFA World Cup ezakube iseRussia.

UMzantsi Afrika uthelekiswe namazwe angekho lula kwaphela, kodwa abethekayo xa edibene neqela elizimiseleyo. Nanga amaqela kaGroup D: South Afrika, Senegal, Cape Verde neBurkina Faso.

Iqela lesizwe, iBafana Bafana, libenethamsanqa lokuphepha amazwe ezwekazi leAfrika kwindlela yalo eya eRussia. “Asinakufuna nto ingenye ngaphandle kwale siyifumeneyo. Ndiyavuya sithelekiswe nala maqela siwafumeneyo, kodwa ayithethi kuthi lo nto umsebenzi wethu uzakuba lula,” utshilo uMashaba kuvakala ukuba kuthe xibilili izibilini kuye.

Mahlanu kuphela amazwe azakuthi amele i-Afrika kwindebe yebhola ekhatywayo yehlabathi. Oku kuthetha ukuthi ilizwe ngalinye kufuneka libe-phezulu ngamanqaku kulawo lithelekiswe nawo. Imidlalo yonke kulindeleke iqale kwisithuba seenyanga ezimbini ezizayo. UMashaba kucacile kuye gca ukuba kufuneka iqela lakhe liqhube kakuhle ukuze liye eRussia.

“Kweli ixesha akufuneki ubambe indawo yesibini. Linye kuphela ilizwe eliya kwi-2017 World Cup kula sizakudlala nawo. Emva kokuba siphoxeke kwi-2017 AFCON, kunyanzelekile siye eRussia,” utshilo uMashaba. Le midlalo ifika kakuhle kusekho umfutho wempumelelo ezuzwe ngaBafana Bafana kwiCOSAFA ngempelaveki edlulileyo.

Ukuphumelela kweqela lesizwe iCOSAFA Cup kunike uMashaba ithuba lokuphefumla, ngoba besekukho iimpawu zokungoneliseki ngumsebenzi wakhe emva kokuphosa i2017 AFCON.

GROUP A:

Tunisia, Libya, DR Congo,Guinea;

GROUP B:

Zambia, Cameroon, Algeria, Nigeria;

GROUP C: Gabon, Mali, Ivory Coast, Morocco;

GROUP D:

Senegal, South Africa, Burkina Faso, Cape Verde;

GROUP E:

Ghana, Egypt, Congo, Rwanda.