UNyandeni uyayivuyela imidlalo yabo ne-USA

Umdlali siswini weBanyana Banyana uNompumelelo Nyandeni ukholelwa ukuba ukudlala kwabo ne-USA izakuba ngamava abalulekileyo nabawadingayo njengeqela lesizwe labasetyhini.

La mazwe mabini azakube equbisana ngoMgqibelo umhla wethoba kweyeKhala eChicago, Illinois, e-USA. Lo mdlalo uzakuqala emini, kodwa ngentsimbi yesixhenxe ngokuhlwa ngokwexesha lalapha ekhaya. I-USA ikwindawo yokuqala kwibhola yabasetyhini kwihlabathi, kwaye iziintshatsheli zehlabathi ngoku. Ngenxa yeso sizathu uNyandeni uthi kubalulekile ukuba badlale nela lizwe njengenxalenye yamalungiselelo emidlalo ye-Olimpiki ezakuqhubeka eRio kwinyanga yeThupha.

“Ndicinga ukuba izakuba ngumdlalo onzima kakhulu lona kuba akokuqala abaloqela kulula ukulibetha kukhuphiswano lamazwe ngamazwe, okwesibini baziintshatsheli zehlabathi. Banamava kakhulu, kubalulekile ukuba siye phaya sifunde kangangoko phambi kwemidlalo ye-Olimpiki. Silelona qela lijongelwa ezantsi, kwaye i-USA ibisoloko ihleli phezulu ixesha elide. Eli lithuba elihle lokuba sizibonakalise. Emva kwalo mdlalo, xa sisiya eRio sifanele ukuba siyazi eyonanto kufuneka siyilindele,” utshilo uNyandeni.

Lo mdlalo ulandela kanye emva kokuba iBanyana ibethiwe kwimidlalo emibini ibiyidlala neNertherlands. Le midlalo ibilungiselelwe ukuba iBanyana yenze amalungiselelo okuya kwi-Olimpiki. UNyandeni ukholelwa ukuba beliqela bafunde lukhulu kula midlalo.

“Ndifunde into yokuba kwimidlalo yamazwe ngamazwe kubalulekile ukuba ibhola uyisuse kuwe kwangethuba, kufuneka usoloko ufuna ukuyidlala phambili ibhola ukuze ukhangele amagowuli. Kubaluleke kakhulu ukuba sidlale njengeqela.”