Iingxaki zeBoks zingaphazamisa uCoetzee

Umqeqeshi weSpringboks * -Allister Coetzee ujongene nengxaki kwimeko yabadlali ababini abebedlala ngoMgqibelo. Ayikacaci imeko yabadlali abadlala kwindawo yesibhozo uDuane Vermeulen noWarren Whiteley.

Esi sibini sifumene ukwenzakala kumdlalo weeBoks ngethuba zibetha i-Ireland ngo’32-26 e-Ellis Park, eGoli ngoMgqibelo. IiBoks zingathanda ukulibala ngemizuzu engamashumi amathandathu yokuqala kulo mdlalo.

Baye babuya ngamandla abafana bakaCoetzee ukuze balinganise izinto kolu luhlu lemidlalo ngo’1-1. I-Ireland yenze imbali ngokuphumelela okokuqala eMzantsi Afrika xa yayibetha iiBoks, eNewlands.

UVermeulen obizwe kweli qela esuka kwiqela lakhe iToulon, nje- ngomnye wabadlali abathathu abasuka phesheya kolwandle, wenzakale engqinibeni kulo mdlalo usandula kuqala. Uye waqhubekeka nokudlala kodwa ngelixa kubuywa ekhefini ngumdlali weeLions uWhiteley ongene endaweni yakhe.

UWhiteley naye ufumene ukwenzakala emva kokungqubeka egxalabeni, wonzakele ngelixa etyhudisela ukugqengqa emgceni.

Ngelixa encokola noonondaba ekupheleni komdlalo, uCoetzee ukuchazile ukuba aba badlali bobabini, bamenzela ixhala phambi komdlalo wesithathu wovavanyo phakathi kweeBoks ne-Ireland eBhayi.

Omnye umdlali ongazukudlala kwakhona ngoMgqibelo, nguPat Lambie owafumana ukwenzakala kumdlalo wokuqala.

ULambie waye wabetheka ngentloko emva kokungqutywa nguCJ Stander kumdlalo wokuqala wovavanyo.

Lo mdlali uye wayalelwa ngugqirha ukuba ahlale endlini aphumle ixesha elingenye iveki, loo nto yathetha ukuba akazukudlala kumdlalo wangoMgqibelo.