Igxeka uMotshekga ngokuqhwalela kwemfundo esisiseko iSADTU

IKHWELE izehlela kumphathiswa wemfundo esisiseko uAngie Motshekga imanyano yootitshala kweli iSADTU. Kwingxelo ekhutshwe yile manyano ngesikhumbuzo seminyaka engamashumi amane emva kwesiganeko sangoJuni 16 , iSADTU igxeke uMotshekga ngokuqhawalela kwemfundo esisiseko kweli.

Ithe awukaphucuki umgangatho wemfundo yabantsundu abangenamali yokusa iintsapho zabo kwizikolo zabucala. Ikwathe “Nangona uMotshekga edlisela ngendima ayidlalileyo emzabalazweni unyanzelwa ziinkundla zomthetho ukuze aphucule umgangatho wemfundo yoluntu.”

Ingxelo yeSADTU ikwathe okaMotshekga akaboni nto iphosakeleyo xa abantwana babantsundu bexinene kumagumbi okufunda. “Umphathiswa (Motshekga) akaboni mpazamo xa abafundi befundiswa ngolwimi laseChina iMandarin endaweni yokuphuculwa komgangatho weelwimi zenkobe. Umgaqonkqubo wemfundo ngolwimi lwenkobe uzakuphanza phantsi kweliso lakhe,” iqhube yatsho le ngxelo. ISADTU ikwathe ziyakuyibuyisela emva imfundo yoluntu ezinye iziphakamiso zengxelo ekutshwe ligqiza ebelityunjwe nguMotshekga liphande ngokuthengiswa kwezithuba zootitshala yiSADTU.

Yenze umzekelo ngesiphakamiso esithi ukutyunjwa kweenqununu, oosekela nqununu kwakunye neentloko zamasebe kwizikolo ayingomsebenzi onokuyekelwa kwibhodi elawula isikolo. “Nangexesha likaVoerwoed abazali babengenalizwi kwindlela amabafundiswe ngayo abantwana babo. IiSGBs zingumzekelo wamandla oluntu, kwaye kufanele ukuba zikhuselwe, badlisela ngendima abayidlale emzabalazweni,” ihambisa itsho le ngxelo. Ikwathe kukho idabi elijoliswe kubasebenzi, eliqhutywa ngumbutho weDA nelixhaswa yindlela aqhuba ngayo uMotshekga. “Siyazi iyiDA echasene neemanyano zabasebenzi, ayiyondlela yenza ngayo iANC.

Ukuthetha njani umphathiswa ukuthi ulawulo lwamasebe emfundo kumaphondo amathandathu liphantsi kweSADTU kungekho nobungqina obuncinci,” itshilo ingxelo yeSADTU. Iqhube yathi, “Ukususela ngo2009 akukho nto ootitshala abayizuleyo kulo mphathiswa ngaphandle kwezithembiso ezingenanto ibambekayo.

Ngaphantsi kwakhe ootitshala balahla ngobuninzi babo kuba bathotywe nje ukuba benze umsebenzi wokukorekisha endaweni yokufundisa.” Le ngxelo ilebele ngelithi, iSADTU izokwenza konke okusemandleni ayo ukulwa idabi elaqalwa ngabafundi ngo1976 lokuqinisekisa ukuba abantsundu bafundiswa ngeelwimi zabo.