ISIKIZI lingena kwindawo yeGAZI!

IGAZI liyaphela kwinyanga ezayo, kodwa ingaba kuzakuthi cwaka emva koko? Kuvakala ukuba, kulandela impumelelo yomdlalo oyidrama othandwayo, Igazi, kubonakala ngathi iMzansi Magic izilungiselele kwakhona ukufaka kwitasi yawo yemidlalo yesiXhosa.

ISIKIZI – ngumdlalo omtsha ozakuqala ngoMvulo umhla we-11 kweyeKhala/ July 2016. Lo mdlalo ubalisa ngobomi obunzima bendoda eyayihloniphekile eyabaleka kwikhaya layo ngelizama ukubaleka isiprofeto esibi ngobomi bayo.

Eli bali, neliphenjelelwe libali likaShakespear, laze lenzelwa kwiilali zaseMpuma Koloni, lithabathisa kanye apho lo mlinganiswa ebuya entabeni, esiva ngesiprofeto esothusayo esinokutshintsha ihambo yakhe.

Isikizi lizakubonisa imiba yothando lokwenyani neziphumo zalo, ilishwa, amandla oloyiko kwakunye nokubaluleka kokugcina imvelaphi yakho. “Sihambela mgamana nokubalisa amabali akumgangatho ophezulu ngeSikizi.

Eli libali elinikisa umdla kwezothando, kodwa ibali lothando elizakushiya abantu bethetha ngezinto ezibonwa njengendaba yakwamkhozi luluntu.

Sifuna ababukeli baphikisane ngokuba ngubani kanye iqhawe kweli bali…” utshilo uReneilwe Sema, oyiNtloko yeDrama kwicandelo lezikhululo zolonwabo eM-Net.

Lo mdlalo uveliswe yiPaw Paw Films, uzakube edlalwa ngabadlali abaziwayo ngokuvuza italente eMzantsi Afrika, nabafana noTina Jaxa, Timmy Kwebulana, Zandile Msutwana, Phila Madlingozi, Chris Gxalaba, Bongo Mbutuma, Ayanda Dlamini, Andrea Dondolo, Vicky Kente noKhayakazi Kula. Akufun’ukuphoswa yidrama kwiSikizi, kwiDStv channel 161, ngoMvulo umhla we-11 kweyeKhala ka2016 ngentsimbi yesibhozo ngokuhlwa.