Ubhubhel’ ebhedini yendoda ovuswe kwiMavuso Stokvel

KWISITHUBA nje esingephi emva kokwabelana ngesondo nentokazi ayifumene kwiStokvel sezesondo iMavuso, indoda yaseSoshanguve ePitoli ibone le ntokazi iphuma ugwebu emlonyeni.

Isajonge oko, le ndoda ineminyaka engamashumi amabini anesithoba, ibone le ntokazi ithe tywaa ibhubhile kuloo bhedi yashiyeka ibambe ongezantsi ixakiwe ukuba konakele ntoni na kulo mdaniso wabo wasekamereni.

IMavuso ligama leStokvel sezesondo elisetyenziswa kwiilokishi zasePitoli apho amadoda akhupha imali ethenga amantokazi kwiindibano ezibanjwa ebusuku. Kufuneka ube lilungu ukuze uthabathe inxaxheba.

Ngundaba-mlonyeni iStokvel seMavuso ePitoli kangangokuba iHammanskraal kwesi sixeko yaziwa njengekomkhulu leMavuso. Le ndoda, nengavumanga kuthiwa pa ha, ithi isihamba umhla nezolo esi Stokvel seMavuso. Lo mfo, uhlala kwindlu engasemva kumzi kamama wakhe, uthi ushiye ikhaya lakhe ngokuhlwa kwangoLwesibini kwiveki ephelileyo esiya kwiMavuso eqhube kwade kwangoqhiza ngoLwesithathu.

Kuleli xesha ke apho lo mfo athe waphandlwa yintokazi ethile. Akakhange achithe xesha, uthethe nale ntokazi bavumelana ngexabiso emva koko barhuqa besiya kowayo le ndoda, bagqibezela ezo yure zobumnandi ebhedini. “Bendisandula ukwahlukana nesinqanda-mathe sam ensingumama womntwana wam, ngoko ke bendicinga ukuzonwabisa ndikwiingalo zelinye ibhinqa,” kutsho lo mfo.

“Sivumelene nale ntokazi okokuba ndizakuhlawula iR300, ngokuhamba ngqo nemithetho yeMavuso. Ndimthengele utywala, sasela sobabini kwade kwalithuba lokuba siye endlini yam siyokwabelana ngesondo.” Ngenene bayile kwigumbi lalo mfo, zanda iiyure besabelana ngesondo. “Yonke into ibintle ebhedini, kodwa ndithe xa ndibiwa bubuthongo le ntokazi yandivusa isithi iqaqanjelwa yintloko.

“Ndiyinike iipilisi zentloko, sakhe saphumla, sinethemba lokuba sakubuyela kwakho kumdaniso wasekamereni (ukwabelana ngesondo) xa engcono kwintloko eqaqambayo. “Kodwa uqhubekile esithi akaziva mnandi. Ndibone kuphuma ugwebu emlonyeni kuye, waminxana wavela wabhubha ngoko na ngoko; ngolo hlobo nje,” kutsho le ndoda.

Le ndoda ithi ivele yoyika ingazi nokuba mayenze ntoni. “Ndibize umama wam, kodwa bekungekho kwanto angayenza kuba ibisele ibhubhile le ntokazi,” itsho le ndoda.

Umama wale ndoda ubize amapolisa, afike nemoto yezidumbu ezokuthatha umzimba. Emva koko le ndoda ithathwe yasiwa kwisikhululo samapolisa aseSoshanguve ihamba nonina. “Bendothuke kakhulu.

Umama wam uthethile namapolisa kodwa akukho tyala lithe lavulwa.” Le ndoda iyasiqalekisa isigqibo sokuthabatha inxaxheba kwiMavuso, kwaye ithi sokuze iphinde ibeyinxalenye nesi Stokvel.

Izalamane zale ntokazi ibhubhileyo sele kuqhagamshelwene nazo, kwaye zombini ezi ntsapho zivumelene ngokuncedisana ngeendleko zomngcwabo.

Kuyacaca ukuba le ndoda ayinantlahla kumabhinqa ewafumana kwiMavuso. Ngaphambili yakhe yathabatha intokazi kwiMavuso yayokwabelana nayo ngesondo ayahlawula emva koko. Lo ntokazi yathabatha zonke izihlangu zalo mfo zasenxele yabaleka nazo iyishiya kuphela nezo zasekunene. “Ndifundiswa isifundo apha. Ndicela wonke umntu ajongane neqabane lakhe ayeke iMavuso,” kucebisa le ndoda.