Ziya kwi-Olimpiki iimbaleki zeli

UGift Leotlela ubonakalisile ukuba ithemba elibekwe ngumqeqeshi wakhe kuye yinto ebifanelekile, ngelixa ephumelele kukhuphiswano lomgama oziimitha ezingamakhulu amabini eLusaka.

Yonke le nto uyenze kwimizuzu engamashumi amabini nemizuzwana engamashumi amane anesixhenxe. Umhlobo wakhe kwakunye naziqeqesha naye uClarence Munyai naye ulenzile ixesha ebelidingeka ukuze akwazi ukuya kwimidlalo ye-Olimpiki. UTamzin Thomas yena usilele kancinci ekulenzeni elixesha kumgama weemitha ezilikhulu.

Kunyaka ophelileyo emva kokuba uLeotlela ephumelele kwimidlalo yolutsha yeCommonwealth, uHennie Kriel ongumqeqeshi wakhe wathi eli tyendyana linawo amendu okuya kwimidlalo ye-Olimpiki. Kulo nyaka le mbaleki iphumelele kumgama weemitha ezilikhulu kwimidlalo yolutsha kwixeshana nje elingephi. UKriel uthi, eyona nto imonwabisayo ngoLeotlela yindlela azimisele ngayo ukuphumelela.