FATHER’S DAY: Ithetha ntoni kootata?

KUTHETHA NTONI UKUBA NGUTATA? NgeCawa (19 kweyeSilimela), siqwalasela indima edlalwa ngootata kwiimpilo zabantwana babo, kumaqabane ngokunjalo nakwiintsapho.

Kungalula ukulibala ngosuku lweFather’s Day, kuba kwinyanga ephelileyo ibiyi Mother’s Day. Ingaba wena uzakumenzela ntoni utata wakho? Mhlawumbi ungamthumela umyalezo omnandi ngaphandle kokuzicikida ngokumthengela isipho.

Sibuze ooTata abaziwayo ukuba: KUTHETHA NTONI KUBO UKUBA NGOOTATA?

ANELE PENNY (Umdlali kwimiboniso yeqonga namabali) “Kuthetha ukuba ndinoxanduva lokuba ndibe ngumzekelo, zonke izinto endizenza ebomini kufuneka ndizazi ndizenzela yena, kwaye ndiphilela lo mntu undibiza utata.”

BULELANI RUBUSHE (Igqwetha eMonti)

“Xa ungutata uziva ukhulile, uziva uphelele kwaye ukuba ngutata kuhamba nokurhuqa uxanduva lokuphilela lo mntu ungutata wakhe.”

SIZWE SALISO (Umsasazi kanomathotholo nemvumi)

“Kuthetha ukuba sisihlobo, utitshala nenkokeli ezama ukuphila ngokomzekelo ukwenzela ukuba wakhe umntu ozakuba nefuthe ngomso.”

SIPHELO ‘’NQONTSONQA’’ DYONGMAN (Imbongi, nemvumi yeHip Hop)

“Wenza lo mntwana abe yinkosi okanye inkosazana yangomso. Kufanele ubekhona ecaleni kwakhe ngamaxesha onke.”

TSEPISO SATHIE NZAYO (Umbhali neqhula)

“Uba khona ecaleni kwakhe ngamaxesha onke owafumanayo, wenza ixesha xa ekudinga, kananjalo ube yinto yonke kumntwana wakho.”

MAFA BAVUMA (Umsasazi kanomathotholo nomphathi wamatheko)

“Kum kuthetha ukuba yintloko yekhaya, inkokeli yosapho, ikhaka lenkosikazi kunye nabantwana. Imizamo yakho awuyenzeli wena, uzamela usapho lwakho njengentsika.”

simphiwe.freddie@inl.co.za