Amalungu eUDM abhubhe kwingozi emasikizi

UMongameli weUDM uBantu Holomisa udlulise amazwi ovelwano emva kokubhubha kwabagqatswa booceba abathathu balo mbutho kwingozi yemoto emasikizi eyenzeke phakathi kweLady Frere nedolophu yakuKomani ngoLwesithathu.

La malungu eUDM abhubhileyo nguZolile Windvoel, Monica Sidumo noGladys Ntuze.

Ethetha ngegalelo labo kwiUDM uHolomisa uthe: “Mna kwakunye namalungu eUDM sithatha eli thuba ukudlulisa amazwi ovelwano kwiintsapho, abantwana, abahlobo kwakunye namaqabane ala maxhoba. Ukubhubha kwabo kusigululele amajoni abesebenza ngokuzimisela, enceda uluntu.”

“Ibingabantu abazimisele kakhulu aba, kwaye umbutho ububathembile kwinkxaso yolonyulo loomasipala kulo nyaka. Sinenyhweba ngokufumana ithuba lokusebenza nabantu abafana naba. Noxa nje bebhubhile, ifuthe labo lakuhlala lihleli kuthi,” utshilo uHolomisa.

Isithethi samapolisa akuKomani uLieutenant Namhla Mdleleni uthi, le ngozi yenzeke ngethuba la malungu esuka eLady Frere esiya kuKomani. “Ibiyingozi embi kakhulu, omnye ubhubhe ngoko nangoko lo gama ababini bebhubhe bekwindlela eya esibhedlele,” kutsho uMdleleni.

ULoyiso Gwaza obekhona emotweni ngethuba kusenzeka le ngozi sele ekhutshiwe esibhedlele.

UHolomisa uthi iphulo lokugaya inkxaso lala maxhoba lizakwenziwa ukunika imbeko kula malungu. “Inga umphefumlo wabo ungaphumla ngoxolo,” kutsho uHolomisa.

Inkonzo yesikhumbuzo sala maxhoba izakubanjelwa kuKomani ngoLwesithathu, noxa nje indawo yayo ibingekadizwa izolo.

Iinkcukacha ngomngcwabo zakubuya zaziswe.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za