Ulutsha lukhuphisene ngezakhono

UKUBHIYOZELA inyanga yolutsha, isebe lezobugcisa nenkcubeko eMpuma Koloni lithe lasindleka umsitho wezobugcisa nenkcubeko e-Opera House eBhayi kule mpelaveki.

Abafundi abaphuma kumazikomfundo oqeqesho kweli phondo aquka iBuffalo City College, Eastcape Midlands College, Ikhala College, Ingwe College, King Hintsa College, King Sabatha Dalindyebo College, Lovedale College, Port Elizabeth College bathe bakhuphisana kulo msitho.

Abafundi bebekhuphisana ngamabali, imidlalo yokuhlekisa, umjuxuzo, iscathamiya, iHip Hop, imfene, imixhentso yeSetswana, imixhentso yesiXhosa kwakunye nesiZulu, isibhujwa, gumboots dance, imibongo, ingxoxo mpikiswano kwanokhuphiswano lobuhle bendalo. ILovedale College inkqenkqeze phambili.

Ongusihlalo kwiColleges’ Association for Sports, Arts and Culture (CASAC) kwiphondo laseMpuma Koloni uThemba Bhenuka uthe uchulumancile:

“Lo mbhiyozo uthathe iintsuku ezintathu. Kunyaka ozayo sizakuba notshintsho olungephi, sifuna ukuba kungenwe ngemali xa umntu ezokubukela kuba siwusingatha unyaka nonyaka, enye into sizama ngakumbi ukuba ulutsha lube nento oluyenzayo kuba kaloku iziphiwo zabantu azifani.

“Kunyaka ozayo sizakucela kumasipala ombaxa waseNelson Mandela Bay ukuba sisingathe lo msitho iveki yonke ukuze sibenexesha eloneleyo lokwenza konke esikufunayo,” utshilo uBhenuka.

Kusenjalo umsitho omkhulu kazwelonke ofana nalo uzakusingathelwa eLimpopo ngomhla wama-26 ukuya kuma-29 kwakule nyanga.

isibhalo@inl.co.za