U-Ali ebengumzekelo kwiintshatsheli ezininzi

Isamane ingena imiyalezo yovelwano, emva kokuvakala sokuwa komthi omkhulu kumdlalo wamanqindi.

UMuhammad “The Greatest” Ali uyibekile inqawa kule mpelaveki eneminyaka engamashumi asixhenxe anesine. Eli qhawe linikezele kwidabi leminyaka ebelililwa nesifo iParkinson’s syndrome.

Le ntshatsheli izenzele igama kakhulu ehlabathini ngokuba yimbethi mamqindi yokuqala ukuphumelela iintshinga yehlabathi amatyeli amathathu.

“Ilungu lam limkile, kwaye ilungu elikhulu,” utshilo uGeorge Foreman naye osele esuka ukuba yintshatsheli yehlabathi kwaye wangquzulana no-Ali kakhulu eqongeni lokulwa.

U-Ali ebesaziwa njengomntu onelizwi kwimiba emininzi ngaphandle kwamanqindi. Wayethetha kakhulu ngemiba yecalucalulo eMelika ngeminyaka yoo1960.

Indlela aweyakwazi ngayo ukusulela ngayo abantu yayichumela ngaphandle kweqonga lokulwa.

Waqhubeka waba sisithethi sabantu abaninzi abamnyama ababecinezelekile, kwihlabathi jikelele kuba wayengakuvumeli ukuvalwa umlomo angazivakalisi izimvo zakhe. Mhla wayebuzwa ngeyona nto afuna ukukhunjulwa ngayo * -Ali wathi: “Ndingathanda ukukhunjulwa njengendoda eyaphumelela intshinga yeheavyweight amatyeli amathathu, umntu owayenobuntu ebaphethe kakuhle abanye abantu.

Njengendoda eyayingazange ibajongele phantsi abantu abajonge kuyo, neyayizimela iinkolelo zayo.”

Le ndedeba yazalelwa eLouisville, eKuntucky ngomhla weshumi elinesixhenxe kwinyanga yoMqungu ngonyaka ka1942, wazalwa enguCassius Marcellus Clay Jr.

Ulitshintshe igama lakhe emva kokuba eguqukele kwinkolo ye-Islam.

U-Ali ushiya ngasemva inkosikazi yakhe uLonie Williams kunye nabantwana bakhe abalithoba. Kulindeleke ukuba abekwe kwikhaya lakhe lokugqibela ngoLwesihlanu wale veki.