UNomathemba ufundisa amantombazana aseBhayi umbhoxo

Liza kakuhle ibhongo likaNomathemba Gum lokubandakanya ulutsha kwezemidlalo nokuvelisa amaqhawekazi kumdlalo webhola yombhoxo.

uGum ngugqirha osebenza ngabantu abagogeke amathambo exelengela kwilokishi yaKwaZakhele eBhayi, ukwangumseki weqela lombhoxo lamantombozana iBontle Tigers esele linabadlali abakwiqela lesizwe kwicala lamantombozana kwabangaphantsi kweminyaka ilishumi elinesixhenxe.

Kwiminyaka embalwa edluleyo waqalisa umdlalo obizwa ngokuba yi tag rugby ebandakanya abantwana bezikolo zamabanga aphantsi bezikolo zaKwaZakhele.

“Abanye babantwana ebesibadlalisa kwi tag rugby ngoku bakhulile. Kulo nyaka siqulunqe urhacaza weqela lamantombozana aminyaka ingaphantsi kweshumi elinesithandathu. Ingxaki ke kukuba kuphela kweqela elikolu didi elikhoyo apha eBhayi nto leyo ebangela ukuba kubenzima ukufumana imidlalo,”utshilo uGum.

uGum uthi bazakwenza unako nako wokuba badlale imidlalo yobuhlobo nezikolo kungenjalo bayokudlalela kude, kwiindawo ezifana noomaHumansdorp, Monti, naseKnaysna kuba akho amaqela afana neli lakhe apho.

“Kule veki izayo sizakuhambela eTinarha”, uthethe watsho.

Kule veki iphelileyo eli qela liye lathabatha uhambo lwenjenjeya ukuya kwelase- Rhini apho beliyokubambana noontangandini balo besikolo iArche Mbolekwa yalapho. Uthe abantwana bakhe bazityele itheko labo apho bebhaxabula eso sikolo ngamanqaku angama 35-5.

Uthe, eli qela lisebenzisa uNamhla Siyolo ongumdlali kwiqela leKwaru neqela lephondo kulo mdlalo nowayesakuba ngumdlaleli weqela lesizwe.

“Siyazidla ngaye kuba ngumqeqeshi oyaziyo ibhola yombhoxo eyazi nento ayenzayo”.