OoKhetshe basekhondweni loonqevu abazenza izangoma

LIYAQANDUSELA iphulo lebutho lamapolisa ooKhetshe, lokubamba imiguvela ezenza izangoma, ikhuthuze imali yomhlalaphantsi yabasebenzi.

Eli butho laqaphela ukuba aba nqalintloko ngabemi bangaphandle, kwaye indlela abasebenza ngayo kukulahlekisa abasebenzi bebaqhatha ngelithi mabashiye imisebenzi bathathe imali yomhlalaphantsi, bayinike bona ukuze izinyanya ziyandise.

Kwiiveki ezimbini ezidlulileyo ooKhetshe barhiwule umrhanela ongowasetyhini nokhuthuze indoda yaseMonti imali ebalelwa kumakhulu amathandathu amawaka eerandi (R600 000).

Ingxelo ekhutshwe ngooKhetshe ibika ukuba lo mrhanelwa uyinzalelwane yaseUganda onguHaawa Nalwanga nonamashumi amathathu anesithandathu ubudala nokweli ngokungekho mthethweni.

Oqulunqe le ngxelo yooKhetshe uKapteni Anelisa Feni uthe, “UNalwanga wakhohlisa indoda enamashumi amathandathu eminyaka esuka eSterkstroom neyayisebenza njengomabhalana ukuba ishiye umsebenzi, ithathe imali yayo yomhlalaphantsi iyinike yena, ukuze ihlanjululwe ukuze yande, nexhoba lenza ngokomyalelo.”

Ubanjwe emva kokuba ebonwe sisihlobo sale ndoda kwindawo enoobhazabhaza beevenkile eMonti. Isithuthi ebehamba ngaso nesibhaliswe egameni lomnye umni okwa- ngowase-Uganda ongekasilandi ukuza kuthi ga ngoku, nangona amapolisa emazisile.

Uzakuvela enkundleni kwakhona uNalwanga nge14 kaJuni walo nyaka.

UFeni ukwabike ukuba omnye ummi waseUganda uNitzar Mukasa ugwetywe iminyaka emithandathu ngobuqhetseba emva kokuba wayebanjwe ngoJuni nyakenye ephethe imali yomgunyathi. Naye wayeqhathe ititshalakazi enamashumi amahlanu eminyaka, wayigqebha imali ebalelwa ku 550 wamawaka eerandi (R550 000).

Imoto yakhe eluhlobo lweRange Rover yathengiswa ngemali eyi 200 yamawaka eerandi (R220 000) nenikwe ixhoba.

Enye imoto yakhe eluhlobo lweJeep Cherokee kulindeleke ukuba nayo ithengiswe. Intloko yookhetshe kweli phondo uNjengele Nyameko Nogwanya ulumkise uluntu lweli phondo ngeenkolelo ezikhokelela ekuphulukaneni nemali yalo.

“Uluntu malityale imali kwiindawo zogcinomali ezisemthethweni,” utshilo okaNogwanya.

Utyityimbisele umnwe le migulukudu ngelithi, mayahlukane nomkhuba wokukhohlisa uluntu ngemali abayisebenze nzima.

“Asifuni ukuzibona sityholwa ngokuchasana nabaphambukeli, kodwa kweli ityeli ngabo abaqhwaya inkathazo,” ulebele ngelitshoyo uNogwanya.

johnnie.isaac@inl.co.za