Strauss: iiBoks ziyakwazi okulindelekileyo kuzo

Ukaputeni omtsha weqela lesizwe lombhoxo, * -Adriaan Strauss, uyakuqonda okulindelekileyo kuye nakwiqela lakhe kwimidlalo yovavavanyo ezayo.

Lo mdlali weBulls waziswe njengokaputeni omtsha ngu-Allister Coetzee emva kwemini yangoMvulo eStellenbosch. Ukuchongwa kukaStrauss kubonisa intembeko anayo uCoetzee kubadlali balapha eMzantsi Afrika. Umqeqeshi weeBhokhwe akalibhengezanga igama lesekela kaputeni, endaweni yoko ubhengeze uFrans Malherbe, Pat Lambie, Warren Whiteley noTendai Mtawarira njengeqela labadlali elikwisigqeba elizo- sebenzisana naye noStrauss.

Ukaputeni omtsha unethemba lokuba iqela lesizwe lakuthi likwazi ukuzisa uncumo ebusweni babalandeli bombhoxo eMzantsi Afrika emva kokuwa kwindawo yesithathu kwindebe yehlabathi kunyaka ophelileyo. “Kum, AmaBhokobhoko yinto yokuqala kuzo zonke.

Eli qela lithetha lukhulu ebantwini balapha eMzantsi Afrika, kwaye thina singabadlali sinebhongo lokuba ngabadlali bamaBhokobhoko. Ngoku siyazi okokuba sidlalela impumelelo nabantu baseMzantsi Afrika,” utshilo uStrauss. “Sizimisele ukubonwabisa abalandeli bethu, yiyo lo nto sileli qela sigqibe kwelokuba sidlale umbhoxo ngeyona ndlela inomtsalane neqhelekileyo kubo,” utshilo uCoetzee.

Umqeqeshi uthi uzimisele ukubuyisa indlela yokudlala yeqela lakhe elaziwa ngayo, uthe ubalule umdlalo owomeleleyo kaStrauss njengehuka njengesona sizathu esibangele amnike uxanduva lokukhokela Amabhokobhoko.

“UStrauss uzimisele ukuba ngumzekelo omhle futhi uzimisele. Luhlobo lwenkokeli endilifunayo ke elo. Bambalwa abadli abaziihuka abakumgangatho wakhe. Eyona nto bendiyithethile kwiveki ephelileyo kukuba, inkokeli izakuphuma kubadlali abadlala apha eMzantsi Afrika. Abadlali abadala kwiiBoks nabo bayakuxhasa ukuchongwa kwakhe.

Ngukaputeni ekufuneka athathe iqela alibeke empumelelweni yemidlalo yovavanyo. Unawo amandla, kwaye uzimisele ngokusebenza nathi njengembumba,” utshilo uCoetzee.