IBanyana Banyana idibana noompetha

Amalungiselelo eqela lesizwe lamantombazana adlala ibhola ekhatywayo, iBanyana Banyana, aqala ngomdlalo eliza kuwudlala ne-United States of America.

IBanyana neMelika zizakudlala umdlalo wobuhlobo ngomhla wethoba kwinyanga yeKhala kwisixeko esikhulu, iChicago, ngentsimbi yesixhenxe ngorhatya ngokwexela loMzantsi Afrika. Iqela lamantombazana leli lizwe lelinye lamazwe ambalwa afumene inyhweba yokumela izwekazi le Afrika kwimidlalo ye-Olimpiki eziza kudlalelwa eBrazil ekuthambekeni konyaka.

Amantombazana kaVera Pauw aza kudlala okokuqala neMelika – kodwa uthi akukho ndlela ingcono yokulungiselela le midlalo eyogqitha ukujamelana neqela elifana neMelika ehamba phambili kwibhola ekhatywayo yamantombazana. “Yintoni enye onokuyifuna xa ufumene umdlalo neentshatsheli zehlabathi kumalungiselelo wakho? Siyavuya njengokuba siza kudlala neMelika.

Umdlalo wona uza kuba nzima kwaye sikulindele ukubethwa kakhulu – kodwa okubalulekileyo kuthi kukudlala kakuhle kwi-Olimpiki. Ayikho enye indlela esinokuzilungiselela ngayo ngaphandle kokudlala namazwe amakhulu. Aba badlali zange badlala neMelika ngaphambili kwaye iBanyana Banyana liqela lesizwe lesibini eliphuma e-Afrika eliza kudlala neMelika.

“Ndiyayibulela ngokusivumela sidlale nayo,” utshilo uPauw. Ulithakazelele nomqeqeshi weUSA, uJill Ellis, ithuba lokudlala noMzantsi Afrika. “Siyavuya njengokuba siza kudlala nelizwe esingazange sadlala nalo. Siza kulisebenzisa eli thuba phambi kokuba siye eBrazil,” utsho * -Ellis. Umongameli weSAFA, uDanny Jordaan, uthi umbutho wakhe ufuna ukuqinisekisa ukuba amalungiselelo weBanyana Banyana ahamba kakuhle phambi kokuya eBrazil.

“Kunyanzelekile udibane noompondo zihlanjiwe ukuba ufuna ukukhula. Sizimisele ukulinika amalungiselelo asemgangathweni iqela lethu ukuze liye eRio likwimo elungileyo,” utshilo uJordaan.