Ngamani amaNywabe?

Esi sizwe ke sesinye sezizwe zabeSuthu ezathi zaba nokumanyana nezizwe zooNoqhakancu, ngokuzekelana. Oonoqhakancu ngabantu ke ababengamachule okuzoba ematyeni, abantu ababesila utywala obenziwe ngobusi benyosi ekuthiwa yiqhilika, abantu ababengamachule okuxuba amayeza.

Aba bantu basemaNywabeni balishiya elabeSuthu kwaphambi kolawulo lukaMshweshwe. AmaNywabe abongwa ngeenkomo ezimnyama nezinco. Ezi nkomo kuthiwa zezokulungisa imisebenzi yasemaNywabeni yamasiko nezithethe zawo, xa zithe azaxhelwa izinto phakathi kwekhaya azilungi. Loo nto kuthiwa nguqhelekile lisiko linenkqayi isuka kude le kooyisemkhulu bamaNywabe kuba nabo babesenza njalo.

Kuthiwa xa bethuthwa: Mnywabe, Msengana, Gatyeni, Hewula, Ndondela, Mamali, Dlehluthi, Msuthu, Nkomo zibomvu ezimnyama ziyaxhelwa, Kanti nezinco nezimvubo-mazimba bazifuyile!

Lo mzi wamaNywabe siwukhumbula ngoNkosikazi Charlotte Maxeke odume ngokulwela inkululeko yomntu oMnyama eMzantsi Afrika. UNkosikazi Charlotte Maxeke wazalwa ngomhla wesi-7 kwinyanga kaEpreli ngowe-1874, ezalwa kumzi wakwaManye womlibo wesizwe sabeSuthu. Igama nefani yakowabo nguCharlotte Makgomo Manye. Wathi wafunda amabanga akhe asezantsi apha eMpuma-Koloni.

Abazali bakhe bahamba naye baya kusebenza eKhimbali. Uthe elapho uCharlotte Maxeke wajoyina ikwayara yomculo yama-Afrika eyayibhexeshwa nguMnu. Bam. Kukulokwayara kanye apho wathi wabalasela ngesakhono somculo nelizwi elimnandi. Le kwayara yathi yawela naye ulwandle yayakucula kumazwe aphesheya kwelaseYuruphu naseMelika. Emva kokuba le kwayara ilugqibile utyelelo lwayo kula mazwe uCharlotte Maxeke wasala engenela izifundo zesidanga seB. Sc. kwiDyunivesiti yaseWilberforce kwisiphaluka saseOhio.

Kukule dyunivesiti apho wahlangana khona nesoka lakhe, laseMpuma-Koloni umfana wakwaMaxeke ogama linguMarshall nowayenguMfundisi wecawe yaseA.M.E. Lo mfana yayingowesizwe samaGqunukhwebe akwaNgqika, akwaMlawu, kumaRharhabe eMpuma-Koloni. Isiduko sikaMarshall Maxeke yayinguGatyeni. uMnywabe, uNdondela, uMamali, uMsuthu, uDlehluthi, uMsengana!

UNkosikazi Charlotte Maxeke ubuyele ekhaya eMzantsi Afrika ngowe-1903 waza wafika wanewonga lokuba yinkosikazi yokuqala eNtsundu eMzantsi Afrika ukufumana isidanga seB. Sc, nawathi wasisebenzisa kumsebenzi wezentlalontle nobutitshala. Wathabatha kwakhona inxaxheba kumaqumrhu ngamaqumrhu awayesilwela amalungelo abaNtsundu ababecinezelekile kumbuso waseMzantsi-Afrika, ngethuba eli lizwe laliselithanga laseBhilitane. Wathi akubona le ntshutshiso nokunyhashwa kwamalungelo abantu waseka umbutho wamakhosikazi ekwakusithiwa yiBantu Women’s League, ngowe1918, eyathi ekugqibeleni yaziwa ngokuba yiAfrican National Congress Women’s League. Waba nguMongameli walo mbutho wamakhosikazi eAfrican National Congress.

Ngowe-1914 uNkosikazi Charlotte Maxeke wakhokela iqela lamanina eFresitata, elathi lenza imisadulo esidlangalaleni likhalazela ukunikwa kwamakhosikazi amapasi. Kwakhona ngowe-1918 umbutho owayenguMongameli wawo iBantu Women’s League, yathumela igqiza labameli elathi lahlangana neNkulumbuso yoMdibaniso woMzantsi-Afrika uMnu. Louis Botha likhalazela ukunikelwa kwamapasi kwabaNtsundu.

UNkosikazi Charllotte Maxeke wakhe wayokusebenza eDutywa kwisikolo sabucala ehamba nomyeni wakhe. Bathe belapho eDutywa uCharlotte Maxeke badumisa intetho edumileyo ethi, “Mayibuye iAfrika” eyayikhuthaza ukuba abantu bafunde ukuze loo mfundo yabo babuye bayityale esizweni ngokudlala indima yokuphucula abantu.

Kuthiwa apho eDutywa wenza umsebenzi omhle kakhulu owakhokhelela ekuthini uDalindyebo inkosi enkulu yabaThembu imcele yena nomyeni wakhe ukuba baye kuhlohla ebaThenjini kwisikolo sabucala awayesakhile eTyhalarha. UNkosikazi Charlotte Maxeke basebenze apho nomyeni wakhe phantsi koMfundisi omdala uZ.Tantsi, ozala umfundisi James Yapi Tantsi.

Umsebenzi wakhe waba mhle kakhulu kakhulu ebaThenjini bade abaThembu bamnika isikhahlelo sakhe esithi, “A! Nogazo!”. Waba ngumfazi owayevunyelwe ukuba ayekuxoxa enkundleni namadoda.

Umahluko phakathi koGatyeni noGatsheni: Umphulaphuli wesikhululo sosasazo Umhlobo Wenene FM wathi wavela ebuza esithi: “Mna bawo ndicela ukwazi ukuba ngaba aba bantu baphaya kwaZulu abanezibongo zabo ekuthiwa ngoGatsheni ukuba ngabantu abanye na noGatyeni aba bafumaneka apha emaXhoseni.”

Impendulo yalo mbuzo ilula ithi: UGatyeni noGatsheni asingobantu abanye aba, abaphumi kumnombo, okanye ke umlandu omnye.

OoGatsheni bakwaZulu kuthiwa xa bebongwa: Gatsheni, Ndlovu, Madiya, Boya benyathi, Buyasoka buyasombuluka.